Amakhosi azithathele iCufa Cup emva kokuba ebethe iMarumo Gallants ngo'4-3 kwiipenela emdlalweni obubanjelwe eToyota Stadium, eBloemfontein, namhlanje emalanga. Nakubeni bekukho ukuthandabuza emva kokuba iMarumo Gallants ithe asikabikho isivumelwani izolo ebusuku - kodwa umdlalo uye waqhubeka.
Kuye kwanyanzeleka ukuba amaqela aye kwiipenela ngoba akubangakho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini kwiziqingatha zomdlalo zozibini. Umdlalo unike umdla ukusukela ekuqaleni kwawo. Into ebinqabile ngamagowuli. Omabini amaqela adlalele ukulawula umdlalo - kodwa yiMarumo Gallants edlale bhetele.
UManaka noDhludhlu ngawona amadoda abethande ukuyikhathaza iKaizer Chiefs kwingqatsini yelanga ekudlalelwe kuyo eFreyistata. Nakubeni umdlalo weqela likaDan Malesela ubumhle - kodwa khange lidale amathuba acacileyo. Kwelinye icala, iChiefs izamile ukuhlasela isebenzisa uDuba noShabalala besebenzisana noRanga Chivaviro obekhonkxiwe kakhulu.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho nto ebhodini ngoba iChiefs ayikwazanga ukufumana igowuli. Amakhosi adlale umdlalo ebhetele kwakungena abadlali abafana noMmodi, uNgcobo, uMaart noDu Preez othathe indawo kaChivaviro phambili.
Kubekho ukuhlangana nomdlalo wawo okuqaphelekileyo - kodwa khange iziyekele nayo iMarumo Gallants nakubeni ingakhange imkhabele uBruce Bvuma. Ugoduke eliqhawe uBvuma emva kokuvala iipenela ezimbini eziquka ekaXola Mlambo. IChiefs iza kudlala iCarling Knockout kwiveki ezayo ikhuthazekile.