USinoxolo Kwayiba uza kudlalela aBafana Bafana phambi kwabantu bakowabo eGqeberha. Umfanekiso: Cosafa
USinoxolo Kwayiba umema bonke abantu baseMpuma Koloni, ngakumbi abaseGqeberha neziphaluka, ukuba baphume ngobuninzi babo bayokuxhasa iqela lesizwe emdlalweni obalulekileyo. Lo mdlali weChippa United ukuthethe oku phambi komdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ophakathi koMzantsi Afrika neCongo Brazzavile oza kudlalelwa eNelson Mandela Bay Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoLwesihlanu. Omabini la maqela akuGroup K aya emdlalweni enxanelwe impumelelo ngoba ezama indlela yokuya kwiAfrica Cup of Nations esekuqaleni konyaka ozayo.
UKwayiba noBathus Aubaas bagaleleke ekuqaleni kwale veki enkampani emva kweenguqu ezenziwe ngumqeqeshi. Ngenxa yokonzakala kukaThalente Mbatha emdlalweni weMTN8 kwiveki ephelileyo, uHugo Broos ubize uAubaas ongaqaliyo ukudlalela iqela lesizwe. Kanti yena uKwayiba ungene endaweni kaJayden Adams okhutshwe ngenxa yokungaziphathi kakuhle. Ukubizwa kwakhe uKwayiba akothusanga ngoba uyiqale kakuhle kakhulu isizini kwiChippa United. Emidlalweni embalwa yeBetway Premiership, sele efumene amawonga omdlali oqaqambileyo izihlandlo eziliqela. Ngoku unikwa ithuba lokudlalela iqela lesizwe.
Ethetha namajelo eendaba kule veki, uKwayiba uthe aBafana Bafana baza kudlalela ukuphumelela umdlalo eGqeberha - kodwa kwangaxeshanye, ucele abantu bagcwalise ibala. "Sicela nisixhase ngokugcwalisa ibala ngoLwesihlanu. Ukuba ndiliifumene ithuba, ndiza kulwa ngeendlela zonke ukuze ndiphinde ndibizwe kwiqela lesizwe. Ukudlalela aBafana Bafana kukuzalisekiswa kwephula lam," utshilo uKwayiba ongowelokishi yaseMotherwell ngokuzalwa. Kwisizini yakhe yokuqala aqhube kakuhle kakhulu kuyo kwiChippa, wathi into ayifunayo kukudlalela iqela lesizwe ngenye imini.
Ngethamsanqa lakhe, uBroos umbize aBafana Bafana beza kudlalela phambi kwabantu bakowabo eGqeberha. "Ndiyavuya futhi kuyandikhuthaza ukuba phakathi kwabadlali beqela lesizwe elidala. Njengokuba silapha enkampini, sikhethwe ngokwaziwa ngokudlala kakuhle emaqeleni wethu. Siza kudlalela ukuwuphumelela umdlalo. Xa ndijonge indlela abazilungiselela ngayo abadlali, ndingatsho ndithi siza kuwuphumelela umdlalo," utshilo uKwayiba okwisizini yakhe yesibini kwiBetway Premiership njengomdlali weChippa United.