Ezemidlalo

UNgongo unqwenelela okuhle uNontshinga ojongene nomlo onzima eJapan

Pedro Mapelo|Published

USivenathi Nontshinga uzithembile phambi kokudibana noMasamichi Yabuki emlweni oseJapan ngempelaveki. Umfanekiso: Facebook

USivenathi Nontshinga uzithembile phambi kokudibana noMasamichi Yabuki emlweni oseJapan ngempelaveki. Umfanekiso: Facebook

Emva kweenyanga eziliqela ephumle, uSivenathi 'The Special One' Nontshinga ubuyela eqongeni kwakhona ngempelaveki kude nabalandeli bakhe. UNontshinga uza kuthathana noMasamichi Yabuki emdlalweni we-IBF junior flyweight oza kube ubanjelwe kwidolophi ekuthiwa yiNagoya, eJapan, ngecala emva kwentsimbi yethoba ngentsasa yangeCawe. Ngelishwa kunyanzelekile aphumelele uThe Special One ngoba nguye intshatsheli enentshinga efunwa kakhulu nguYabuki waseJapan.

UNontshinga, 25, yintshatsheli yehlabathi ekhonyayo emva kokuba wabetha uAndrien Curriel wamwisa kumjikelo weshumi emdlalweni owawubanjelwe eMexico phambi kwabalandeli bakhe ekuqaleni konyaka. Ukusukela ngoko, ukuzithemba kwafunquka kwindodana yaseMonti evale unyaka ophelileyo idandathekile emva kokuphucwa intshinga yayo. Wazi kakuhle uNontshinga ukuba umdlalo wona uza kuba nzima ngoba udibana noYabuki phambi kwabalandeli bakhe kwidolophi yaseNagoya.

Umlo, ojongwe ngamehlo abomvu ophakathi kukaNontshinga noYabuki, uququzelelwe yinkampani yabathelekisi yaseNgilane ekuthiwa yiMatchroom Sport neLush Midori Gym. Abanomdla baza kuwubukela umlo kwiDAZN yaseNgilane. UNontshinga ubhejile ngoba unethemba lokuzuza impumelelo emlweni aya kuwo. "Kuye kwanyanzeleka ukuba ndibheje. Ndikwenza oku ngoba ndizithembile. Akukho nto endingayenzanga kumalungiselelo wam womlo ozayo," utshilo uNontshinga.

UColin Nathan noyise wembethimanqindi, uMnu. uThembani Gopheni, ngabo abaqinisekisa ukuba iwulungele umlo. Inkokeli yesebe leZemidlalo, uSibulele Ngongo, imnqwenelele okuhle uSivenathi. "Sikunqwenelela okuhle kwiinzame zakho zokukhusela intshinga yakho kwakhona. Usisibonelo ebantwini abatsha. Makaye emlweni esazi ukuba umele eli phondo," utshilo uMphathiswa. Kufuneka azimisele kakhulu uNontshinga ngoba uYabuki unconywa ngokuba namanqindi ayingozi kakhulu.