Ezemidlalo

UJose Riveiro ulwela ukubhukuqa iSundowns kwiBetway Premiership

Pedro Mapelo|Published

UJose Riveiro ebhiyoza nabadlali bakhe emva kokuphumelela indebe yeMTN8 kwiveki ephelileyo eMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

UJose Riveiro ebhiyoza nabadlali bakhe emva kokuphumelela indebe yeMTN8 kwiveki ephelileyo eMoses Mabhida Stadium. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images

Emva kokuba i'Orlando Pirates yenze imbali ngokuba liqela lokuqala eliphakamise indebe yeMTN8 amatyeli amathathu elandelela, uJose Riveiro uxelele iintatheli ukuba iliso lakhe ulibeke kweyona ndebe enkulu, iBetway Premiership. Oku ukuthethe emva kokuba iPirates ibethe iStellenbosch ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obutaka iintlantsi eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, ngoMgqibelo ogqithileyo. Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe nguSaleng, nguMabasa noMofokeng.

Elokubika eStellenbosch lifakwe nguMojela kwisigaba sokuqala somdlalo. Kubekho ingxoxo ngegowuli lesibini lePirates elifakwe nguMabasa ngoba unikelwe ibhola nguMofokeng oyidlale kude kwindawo ebewele kuyo uMaswanganyi. Nakubeni kunjalo, iPirates ikwazile ukuphumelela indebe yesihlanu eminyakeni emibini enesiqingatha. Emva komsebenzi omhle awenzileyo, ngoku uRiveiro uzimisele ukubhukuqa iMamelodi Sundowns ukuze aphumelele eyona ndebe enkulu.

"Sidlala ngokuzimisela kuyo yonke imidlalo esiyidlalayo. Ngoku siza kulwela ukuphumelela indebe yeBetway. Sifuna ukunyusa umgangatho wethu kuyo," utshilo umqeqeshi ekwakukho ukuthandabuza ekufikeni kwakhe ngenxa yokubhitya kwembali yakhe kwicala leendebe. Eminyakeni egqithileyo, kukhule ukuyiqala kakuhle isizini kwiPirates - kodwa yoyisakale xa iphakathi. Umqeqeshi uzimisele ukuyiguqula lo nto. Ikwindawo yesibini ngoku emva kokuyiphumelela yonke imidlalo yayo.

"Into yokulwela indebe yeBetway ayisathethwa ngoku ngoba ibalulekile. Kufuneka sikubonise oko kumdlalo ngamnye esiwudlalayo. Kule sizini sesidlale imidlalo emithathu kwixeshana elifutshane. Siyiphumelele yonke. Umsebenzi wethu kule sizini kukusebenzela ukuqhuba kakuhle kuzo zonke iindebe," uvale ngaloo mazwi umqeqeshi wePirates. Yena uSteve Barker uyinikele umva iThekwini ekruneke intliziyo ngenxa yezigqibo zikasompempe angakholwanga zizo emdlalweni.