Abadlali be’Orlando Pirates bebhiyoza emva kokuphumelela indebe yeMTN8 emdlalweni obuseMoses Mabhida Stadium, eThekwini. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images
Emva komdlalo obunzima, uJose Ribeiro ubaqhwabele izandla abadlali bakhe abatshatshele kwiMTN8 kwakhona. Oku kwenzeke emva kokuba i'Orlando Pirates ibethe iStellenbosch FC ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weMTN8 obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ebigcwele abalandeli bebhola ekhatywayo ngoMgqibelo ogqithileyo.
Amagowuli afakwe nguMonnapule Saleng, uTshegofatso Mabasa noRelebohile Mofokeng aqinisekise impumelelo yePirates ebunzimeni. Ngalo ndlela, iPirates yenze imbali ngokuba liqela lokuqala eliphumelele indebe yeMTN8 amatyeli amathathu elandelelana. Ukuphumelela kweZimnyama kugqamise umsebenzi kaRiveiro okwazileyo ukukhupha iPirates awafika ithe gabhu ehlazweni.
Eminyakeni engaphezulu kancinci kwemibini, uRiveiro uphumelele iindebe ezintlanu. Impumelelo imncumise ngakumbi ngoba abadlali abafana noThapelo Xoki, Olisa Ndah noDeano van Rooyen bebengekho. Uyithandile indlela abalwe ngayo ebaleni. "Ndicinga ukuba kufanele kunconywe abadlali. Benze umsebenzi omhle kakuhle behamba emva ikhokela ngegowuli elinye iStellenbosch," utshilo umqeqeshi oye wonganyelwa ziinyembezi zovuyo emva komdlalo.
"Ibingekho kum into ethi ngeke siphumelele namhlanje. Sikwazile ukumelana nazo zonke iingxaki siqhwalela ebaleni namhlanje kwiindawo ezithile ngenxa yabadlali abangekhoyo. Ndibulela abadlali, abaqeqeshi nabalandeli," utshilo uRiveiro ezolile njengesiqhela emva komdlalo. "Kumandi kakhulu ukudlalela kule ndawo. Emdlalweni ngamnye kunyanzelekile ukuba udlale bhetele ukuze uphumelele.
“Imidlalo efana nale ikhethekile kakhulu. Kwenzeka okuhle ebaleni xa unabadlali abasemgangathweni ophezulu. Esi sisiqalo sezinto ezizayo," utshilo umqeqeshi ogxeleshe indebe yeBetway Premiership esezandleni zeMamelodi Sundowns. Kungenzeka oko xa iPirates ingaqhubela phambili nokuphumelela imidlalo ngaphezulu kwemithathu esele iyiphumelele.