ULehlohonolo Mojela ufake igowuli exhagwe nguThabiso Monyane noMakhehlene Makhaula emdlalweni weMTN8 obuseThekwini. Umfanekiso: Yanga Nothanga/Maya Images
USteve Barker ubuyele ekhaya edakumbile emva kokuba iStellenbosch FC iphoswe yindebe ephuncuke esandleni. Oku kulandela emva kokuba iStellenbosch iguqiswe phantsi ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weMTN8 Cup otake iintlantsi eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, ngorhatya lwangoMgqibelo ogqithileyo.
Amakhwenkwe kaBarker ankqenkqeze phambili kwisigaba sokuqala ngegowuli elihle elifakwe nguLehlohonolo Mojela. Njelishwa uMonnapule Saleng ufumene igowuli lokulinganisa kanye phambi kokuphela kwesigaba sokuqala.
Khange kubekho qela elibhalisileyo ebhodini kwade kwangena uTshegofatso Mabasa noRelebohile Mofokeng abafake amagowuli amabini sekusondele ixesha lokuphela komdlalo. Igowuli elikhwinise umqeqeshi nabantu abaninzi lelifakwe nguMabasa. Phambi kokufaka igowuli, kuwiswe phantsi uPatrick Maswanganyi wakhalisa impempe uAbongile Tom.
Ibhola imiswe nguMofokeng wayikhabela uMabasa obhakuzelise umnatha. Okudanise abantu abaninzi kukuba uTom uvumile ukuba uMofokeng ayidlale ibhola iphambili kakhulu kwindawo ebekufanele ibekwe kuyo.
Ngamagowuli akhawulezileyo amabini athintele umdlalo ungayi kwixesha elongezelelweyo. Emva komdlalo, indlela ebephoxeke ngayo uBarker ibibhalwe ebusweni. Akavumi ukuba ukuwiswa kukaMaswanganyi bekufanele isohlwayo.
"Andikalifumani ithuba lokuqwalasela konke okwenzekileyo emdlalweni - kodwa kokuncinci endukubonileyo, bekungafanelanga kwa ukuba ukhalise impempe," utshilo uBarker oye wamemelela ukusetyenziswa kweVAR ebholeni yaseMzantsi Afrika.
"Sigqibele usompempe esathetha nabadlali, sabona kudlalwa ibhola esuswe kude kula ndawo yesehlo. Kuyadanisa ukuphela komdlalo omhle kangaka ngendlela ophele ngayo. Ukuba uqaphele kwimizuzu elishumi yokugqibela, umdlalo wethu ubuthande ukuphakama.
“Besiqinisekile ukuba siza kuyifumana indebe ukuba umdlalo uye kwixesha elongezelelweyo - kodwa ke akubanga njalo. Nangona kunjalo, ndiyaziqhenya ngabadlali bam. Bazamile noxa bengaphumelelanga. Siza kuzivuthulula siye phambili kukubi kunjalo," utshilo uBarker ethetha kwiSABC TV.