Ezemidlalo

USiya Kolisi uthi Amabhokobhoko aloleke ngakumbi yiRugby Championship

Pedro Mapelo|Published

USiya Kolisi uthi ukuphumelela kwawo Amabhokobhoko kuwenze anxanelwa ngakumbi ukuphakamisa ezinye iindebe. Amabhakobhoko aphakamisele phezulu indebe yeCastle Lager Rugby Championship emva kokubhulela amasaka iArgentina ngo'48-7 emdlalweni obumhle eMbombela Stadium ngorhatya langoMgqibelo odlulileyo.

Bekufanele ukuba uMzantsi Afrika ubuyele ekhaya uthe qhiwu indebe kwiveki ephelileyo - kodwa akubanga njalo ngoba ubethiwe yiArgentina kowayo. Emva komdlalo, uKolisi uyibethelele into yokubaluleka kokuqhubela phambili nokuphumelela kweentshatsheli zehlabathi. "Okwenzekileyo yinto esithethileyo ngayo futhi sikusebenzele.

“Sonwabile ngoba lixesha elide sifuna ukuphumelela le ndebe, ngakumbi abantu abafana nathi," utshilo uKolisi emva komdlalo eNelspruit. Njengokuba uMzantsi Afrika uphumelele indebe yeRugby Championship owayigqibela ngo2019, kwelinye icala uEben Etzebeth udibanise ikhulu elinamashumi amabini anesibhozo emidlalo.

Lo nto yenze uEben wangoyena mdlali wombhoxo odlalele uMzantsi Afrika kakhulu. Oogxa bakhe babethe iPumas kuba befuna ukumhlonipha ngendebe ngoba ungumdlali owenze umsebenzi omkhulu futhi oncomekayo kwiqela lesizwe lombhoxo.

UKolisi uthethe amazwi amnandi ngogxa wakhe okwa ngumhlobo wakhe othembekileyo. "Siziva siwongekile emva kwempumelelo yanamhlanje. Besifuna ukubulela abantu baseMzantsi Afrika ngendebe ngoba siyagqibelisa ukudlalela ekhaya kulo nyaka. Ngaphezulu koko, besidlalela naye uEben," utshilo uKolisi emva komdlalo.

Emva kokubethwa kweSpringbok, uRassie Erasmus uthe ebelindele umsebenzi obhetele ebadlalini abe bengekho eArgentina. "Bendingayilindelanga indlela esiphumelele ngayo noxa bendisazi ukuba abadlali baza kudlala ngendlela eyahlukileyo.

“Ibingengomdlalo ogqibeleleyo - kodwa sonwabile ngoba siza kusebenzela phezu kwawo," utshilo uErasmus obechwayitiswe ngaMabhokobhoko alele emgceni izihlandlo ezisixhenxe. Ngoku iSpringbok siza kutyelela eScotland, eNgilane naseWales phambi kokuphela kwalo nyaka.

USiya Kolisi uthi Amabhokobhoko aloleke ngakumbi yiRugby Championship