UDeon Hotto ngumdlali we’Orlando Pirates. Umfanekiso: Facebook
Kulindeleke ukuba kudlane iintsimbi emdlalweni wokugqibela weMTN8 xa kudibana i'Orlando Pirates neStellenbosch FC ngempelaveki. La maqela mabini aza kuxikixana eMoses Mabhida Stadium, eThekwini, emdlalweni ekulindeleke ukuba ubukelwe ngamawakawaka abalandeli ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngomso. Umdlalo uza kuba nzima macala ngoba kunyanzelekile kubekho iqela eliphumeleleyo.
Omnye wabadlali bePirates abanefuthe, uDeon Hotto, uthi kufuneka balwe ngazo zonke izikrweqe abanazo ukuze baphumelele. IPirates iya emdlalweni ikhuthazekile ngoba iqhube kakuhle kuyo yonke imidlalo yayo kule sizini. Ngaphezulu koko, ifuna indebe yeMTN8 ukuze ibe liqela lokuqala eliyiphumelele kathathu amatyeli elandelelana.
Umdlalo wangomso uza kuqinisa umsebenzi omhle owenziwe nguJose Riveiro osele ephumelele iindebe ezine eminyakeni emibini engumqeqeshi eMzantsi Afrika. Kuloo minyaka, uHotto wenze indima ebonakalayo kuko konke okufunyenwe yiPirates egxeleshe enye indebe ngoku. "Andiqondi ukufuna kwethu indebe yeMTN8 okwesithathu kongeza uxinizelelo kuthi. Masilinde umhla womdlalo ngoba iingqondo zethu zikuwo," utshilo uHotto odlala iindawo ezahlukeneyo phantsi kukaRiveiro.
"Lakuhlala lukhona uxinizelelo - kodwa kufuneka silungise iingqondo zethu zilungele umdlalo," litshilo inxele laseNamibia elincedise kakhulu kwiPirates eyiphumelele yonke imidlalo yeBetway Premiership kule sizini entsha. Kanti nakwiCAF Champions League, iPirates ithe chu kakuhle. Nangona iPirates iqhuba kakuhle futhi inabadlali abanamava emidlalweni emikhulu - kodwa kufuneka ilumke ngoba ngomso idibana neStellenbosch eyingozi.
Eyona nto eyenza ibe yingozi kukuba iyakwazi ukuwisa amaqela amakhulu futhi ifuna ukuphakamisa indebe yeMTN8. Zange ikwazi kwisizini egqithileyo ngenxa yePirates. UHotto uthi kumnandi ukudlalela iPirates ngoba isoloko ifuna iindebe. "Liwonga ukudlalela iPirates ngoba isoloko isilwela ukuphumelela iindebe. Silwela kwa nto ephambi kwethu," utshilo uHotto phambi komdlalo omkhulu.