UManqoba Mngqithi ngumqeqeshi oyintloko weMamelodi Sundowns.
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uxelele amajelo eendaba ukuba akazikhathazi ngabantu abaziincutshe ekugxekeni umsebenzi wakhe - kodwa baxakwe bubomi babo. OkaMngqithi ubhodle idangatya emva kokuba iSundowns ivule kakuhle isizini ngokubetha iSuperSport United ngo'2-0 emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLoftus Versfeld Stadium ebusuku izolo (Lwesibini). UMngqithi uphumze abadlali abaziintsika abaquka uThemba Zwane, uTeboho Mokoena noKhuliso Mudau.
Abantu abaninzi bamgxe ngelithi umosha into ebisebenzela iSundowns - kodwa uye waphendula ngelithi mininzi imidlalo ejongene neqela lakhe futhi wonke umdlali kufuneka alilwele ithuba lokudlala. Ukubetha Amatsatsantsa edabini lasePitoli kususe uxinizelelo kuye emva kokukhutshwa kweDowns kwiMTN8 kutshanje. "Into endincedayo kukuba andikho kumakhasi onxibelelwano. Ngoku andikwazi ukumamela ububhanxa obuthethwa ngabantu. Indinceda kakhulu lo nto ngoba bendiza kuvakalelwa xa abantu bejikelezisa imifanekiso ethetha kakubi," utshilo uMngqithi.
"Ndiyinkwenke endala. Yiminyaka engaphaya kwamashumi amabini ndisebholeni. Into elindelekileyo kum ndiyayazi. Ndingawugcina umsebenzi wam - kodwa xa iimeko zingavumi, ndiyayazi into enokwenzeka. Izimvo zabantu azichazi umntu endinguye ngokupheleleyo. Abanye abantu boyiswe bubomi babo njengokuba beziincutshe emsebenzini endikwaziyo ukuwenza. Ndingumntu ozithembileyo ngoba amandla wam ndiyawazi. Ukuba ungamamela zonke izinto ezithethwayo ngabantu, ungalahlekelwa yingqondo," utshilo uMngqithi othathe indawo kaRulani Mokwena owagxothwayo.
Njengokuba kukho abantu abambombayo xa bengadlali abadlali abathile, umqeqeshi uthe uza kunika ithuba wonke umntu - kodwa akoyiki ukuthatha isigqibo xa ebona ukuba umdlali akawenzi ngendlela elindelekileyo umsebenzi. "Andonqeni ukuthatha isigqibo. Ungajonga kuwo onke amaqela endisuka kuwo indlela endiqubisene ngayo nabadlali abaziwayo. Ndiyasithatha isigqibo xa ndibona ukuba umdlali akawenzi kakuhle umsebenzi wakhe - kodwa ndingumntu. Ndiyakwazi ukumnika ithuba lesibini umdlali. Andingomntu onesixhiba. Kubalulekile ukuphatha kakuhle wonke umntu," utshilo uManqoba.