UKwanele Kopo ngumqeqeshi weChippa United. Umfanekiso: Pedro Mapelo
Onke amaqela adlala kwiBetway Premiership aza kuqala isizini entsha ngokusesikweni ukusukela ngomhla weshumi elinesine kule nyanga yoMsintsi. Ngokwahlukana kwawo amaqela aza kulwela izinto eza hlukeneyo. Umqeqeshi weChippa United, uKwanele Kopo, uxelele iintatheli ukuba lifikile ixesha lokuba iqela lakhe livale isizini likwindawo ehloniphekileyo. Kwinyanga ephelileyo, uKopo wenziwe umqeqeshi oyintloko nguMnu. Siviwe Mpengesi. Uza kuncediswa nguThabo September obebambisene naye kwisizini ephelileyo.
"Kule isizini, iChippa iza kwahluka kakhulu. Ndicinga ukuba lo nto icaciswa ngabadlali abatsha esibafumeneyo," utshilo uKopo emva kokuphehlelelwa kweBetway Premiership kutshanje eGoli. Inguqu athetha ngayo umqeqeshi iqale kwisizini egqithileyo. Emva kweminyaka iChippa isoloko isinda ezembeni, uKopo noSeptember baqinisekise ukuba ikude ezembeni. Kodwa umqeqeshi uthi akonelanga oko, iChippa United ifanelwe kukuvala isizini isendaweni ehloniphekileyo kakhulu.
"Sizama ukwakha iqela. Emva kokufunda iindlela zokwakha iqela kumaqela afana neSuperSport United neBidvest Wits - bendingathanda ukubona iChippa United iliqela elizinzileyo nelingasoloko liphepha izembe. Injongo yethu ephambili kukuqinisekisa ukuba senza umsebenzi obhetele kunesiwenze kwisizini egqithileyo. Sivale isizini kwindawo yeshumi elinambini, kufuneka singene kwiTop 8. Futhi sifuna ukwenza ngcono ngakumbi kwiNedbank Cup esifuna ukuyithatha," utshilo uKopo.
Ukuqala kade kwesizini kulo nyaka kunike amaqela amaninzi ixesha lokuzilungiselela kakuhle. Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni liza kudibana ne'Orlando Pirates emdlalweni wokuqala weBetway Premiership ngomhla weshumi elinesibhozo eSoweto. "Ukuqala kwemidlalo kwinyanga yoMsintsi kusincedile ngoba sitsho safumana ithuba lokuzilungiselela kakuhle," utshilo uKopo. Kunyanzelekile ukuba aqule ayigangathe ngoba iPirates ikelema kakhulu xa idlalela ebaleni layo.