Emva kokuthi khebevu iinyanga ezintathu, amaqela adlala kwiPremier Soccer League abuyela enkomeni ngokusesikweni ngempelaveki. Aza kuvula isizini entsha ngemidlalo yeMTN8 ekulindeleke ukuba itake iintlantsi kwiindawo ngeendawo. Ngamaqela asibhozo aza kube eswantsulisana ngendebe yegolide ekhatshwa zizigidi ezisibhozo zerandi (R8-million).
Okuthi kuyenza ibe nomtsalane iMTN8 kukuba iqela eliphumeleleyo liyithatha yonke imali. Kodwa umdla uza kuthi chatha kulo nyaka ngoba i'Orlando Pirates iza kulwela ukuphumelela indebe yeMTN8 okwesithathu.
Amaqela ekhuphisana nawo ngeke ayivumele yenzeke lo nto - kodwa yonke into iza kuxhomekeka ebaleni. IPirates iza kudibana neSuperSport United emdlalweni oza kutaka iintlantsi e'Orlando Stadium ngentsimbi yesithandathu ngorhatya ngoMgqibelo.
Emva kwamalungiselelo ahambe kakuhle eYurophu, uJose Riveiro uza kuya emdlalweni enethemba lokuhle kodwa. Naye uGavin Hunt uza kuya emdlalweni efuna ukwenza ngcono emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho esitsha kwiveki ephelileyo.
Amatsatsantsa anembali entle kwicala lokuthatha iindebe - kodwa kwiisizini ezigqithileyo khange kube kuhle. Nakubeni iPirates iza kubeka indebe yeBetway Premiership njengeyona nto ephambili - kodwa iyafuna ukukhusela indebe yeMTN8.
Emdlalweni wokuqala ngentsimbi yesithathu, iSekhukhune United yamkela iCape Town City eyingozi. Omabini amaqela afuna ukuzibonakalisa kwiMTN8 emva kokutyikitya abadlali abatsha abaninzi. ISekhukhune, ekhe yazinukisa iindebe zikufutshane, iza kulwela ukufumana indebe yayo yokuqala kwiPSL.
Futhi ngeCawe kwakube kukho eminye imidlalo enomtsalane. IMamelodi Sundowns iza kudibana nePolokwane City emdlalweni oza kube useLoftus Stadium. UManqoba Mngqithi uya emdlalweni wangempelaveki efuna impumelelo emva kokunikwa uxanduva lokuqeqesha iSundowns egxothe uRulani Mokwena kwiiveki ezidlulileyo.
Kanti iStellenbosch neTS Galaxy ziza kulwa kube mdaka iisali eNtshona Koloni. Iqela likaSead Ramovic liza kufuna ukubuyisa isixhiba emva kokuba libethwe yiStellenbosch kwiCarling Knockout kunyaka ophelileyo.