Amakhosi abenethemba lokubona umahluko emdlalweni wokuqala phantsi komqeqeshi omtsha ashiyeke ephoxekile. Oku kwenzeke emva kokuba Amakhosi engonjwe ngamagowuli amane eqandeni yiYoung Africans SC emdlalweni weToyota Cup obumhle eToyota Stadium, eBloemfontein, izolo emalanga.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iYanga yaseTanzania ihamba phambili ngamagowuli amabini. Njengokuba kufakwe imvula yamagowuli kuBrandon Petersen - akukho nto engabaliswa kwelayo icala iKaizer Chiefs ngoba khange ikwazi ukudala amathuba acacileyo emdlalweni.
Nakubeni izinto zingayihambelanga kakuhle iChiefs emdlalweni weToyota Cup ebidlalwa okokuqala kulo nyaka - kodwa uNasreddine Nabi uthembise ngelithi iqela lakhe liza kuzicutha iimpazamo emva koko lomelele. UNabi, othi uzimisele ukwakha iqela ngabadlali abasakhulayo beChiefs, udlalise abadlali abasedyongo abaliqela.
Abo badlali baquka uNkosana Mbuthu odlale enxele kuba kukho abadlali abonzakeleyo, uSamkelo Zwane noMfundo Vilakazi. Konke oku kwenzeke emva kokuba iChiefs ichithe iiveki ezintathu eTurkiya apho ibizilolonga khona phambi kwesizini eza kuqala kwinyanga yoMsintsi.
"Iziphumo zomdlalo wanamhlanje ziyadanisa - kodwa isengumdlalo wokucweya. Siza kufunda kwiimpazamo zethu sibe sisakha iqela elomeleleyo kwelinye icala," utshilo uNabi emva komdlalo eToyota Stadium ebigcwele abalandeli beChiefs.
Umqeqeshi omtsha ujongene nomsebenzi onzima ngoba abadlali abakhoyo ngabadlali abayeke iChiefs yavala isizini egqithileyo ikwindawo yeshumi kwiDStv Premiership eza kuba yiBetway Premiership emva kweenguqu ezenzeke kwiveki ephelileyo. UNabi ujongene nomsebenzi onzima wokubuyisa isidima seChiefs esinechaphaza ilibi ngenxa yokunqaba kweendebe.
"Nangona singaphumelelanga, kukho izinto ezincomekayo esiza kwakha phezu kwazo futhi eziza kusinceda xa sidlala imidlalo ezayo. Mandivuyisane neYoung Africans ephumeleleyo namhlanje. Sineqela elinabadlali abaselula nabasafundayo.
“Sizimiseke ukulungisa iimpazamo zethu sakhe iChiefs enamandla," utshilo uNabi ethetha kwiSuperSport TV. Njengokuba kusashiyeke into engaphezulu kwenyanga phambi kokuba kuqale isizini yeBetway Premiership, Amakhosi aza kuyogxumeka iintente eBotswana - apho aza kuzilolonga khona adlale nemidlalo yokucweya njengakunyaka ophelileyo.