Ngabadlali abangamashumi amathathu anesithathu abaqukwe kwiqela lesizwe nguRassie Erasmus phambi kwemidlalo emikhulu yeRugby Championship ekulindeleke ukuba iqale ngomhla weshumi kwinyanga ezayo. Umqeqeshi udibanise abadlali abadala nabatsha abathe baziqaqambisa emidlalweni yeSpringbok esiyidlale ne'Ireland (kabini) nePortugal kwiveki ephelileyo.
Amagatyana abadlali abaziqaqambisileyo kutshanje aquka uJan-Hendrik wessels, uJohan Grobbelaar, uSacha Feinburg-Mngomezulu, uBen-Jason Dixon noMorne vanden Berg babiziwe kwakhona kwiqela lesizwe lombhoxo.
USiya Kolisi, ophakamise iNdebe yeHlabathi izihlandlo ezibini, uza kukhokela Amabhokobhoko xa edibana namazwe alushica afana ne'Australia neNew Zealand emidlalweni yeRugby Championship. Mnye umdlali omtsha nguRuan Nortje noxa wakhe walidlalela iqela lesizwe kwiminyaka engaphambili.
Ngelishwa kuye kwanyanzeleka ukuba abanye abadlali bashiywe (Jean Kleyn, Lood de Jager, Franco Mostert, Steven Kitshoff, Faf de Klerk, Jaden Hendrikse, Herschel Jantjies, Canan Moodie, Edwill van der Merwe noDamian Willemse) ngenxa yokonzakala kwabo.
Amakhwenkwe kaRassie aza kuya emidlalwenii elandelayo ekhuthazekile emva kokuba eke afumana ithuba lokubetha i'Ireland elushica nePortugal. "Lo ngumxube wabadlali abaselula nabadala esicinga ukuba baza kusimela kakuhle emidlalweni enzima esijongene nayo kwiRugby Championship," utshilo umqeqeshi emva kokubhengeza amagama wabadlali bakhe.
Abantu abaninzi bebelindele ukuba uRassie Erasmus aphungule inani labadlali abadala andise elabatsha njengokuba ezama ukuqinisa iqela lakhe - kodwa akululanga ukwenza lo nto ngoba uza kujongana nawona mazwe anamandla embhoxweni wehlabathi.
"Siphumze abadlali abathile phambi kokudlala nePortugal ngoba besifuna bafumane amandla amatsha. Sinethemba lokubona benceda iqela lonke. Bafakiwe eqeleni abadlali abatsha abaqhube kakuhle emidlalweni egqithileyo. Indlela abadlale ngayo abadlali abafana noSalmaan Moerat, uDixon, uGobbelaar, uWessels noFeunberg-Mngomezulu isonwabise kakhulu.
Nakubeni iWales, Ireland nePortugal zahlukile - kodwa sinethemba lokuba abadlali baza kusinika umdlalo ofanayo. Siza kujongana neNew Zealand ebesiyibetha kwiNdebe yeHlabathu futhi siyabazi ukutshaba obuphakathi kwethu nayo. Nayo iAustralia liqela eliphezulu," utshilo uRassie.