Ezemidlalo

Ingaphelela enkundleni ingxubakaxaka kaLuxolo Adams oyimbaleki

Pedro Mapelo|Published

Imidlalo ye'Olimpiki iqala kwiveki ezayo - kodwa wona uMzantsi Afrika usajongene nengxubakaxaka engaphelela enkundleni. Kwiintsuku ezidlulileyo, izimvo zabantu zahlukene kubini emva kokuba iAthletics South Africa (ASA) yenze iinguqu kuluhlu lweembaleki eziza kumela uMzantsi Afrika kwitumente eza kube iseParis, eFrance. Abaphathi bayo iASA bagqibe kwelokuba bamsuse uLuxolo Adams kugqatso oluyi200m. Endaweni yakhe bafake umakhwekhwetha uWayde van Niekerk osuswe kwi400m. ULuxolo Adams, 27, usichaze isigqibo seAthletics South Africa njengesidanisayo.

Okumkhathaze kakhulu uthi kukuxelelwa ngomyalezo othunyelwe ngoWhatsApp. Ngenxa yokungaginyeki kwesigqibo esithathwe ngabaphethe iimbaleki, uAdams uceba ukuya enkundleni ukuze afumane indawo yakhe kwakhona. Nangona esitsho yena, uHezekiel Sepeng, ongumququzeleli weASA, uthi kwathethwa naye uAdams nomqeqeshi wakhe uGerrie Posthumus. Intsusa yengxaki yile: uAdams wonzakala ekuqaleni konyaka - kodwa kuthiwa wathi uza kuzama abe ekulungele ukubaleka njengesiqhelo ingaphelanga inyanga kaCanzibe kulo nyaka. Ulinikiwe ithuba lokubaleka kwiAfrican Athletics Championships ebiseCameroon kodwa khange aye.

Walile ukuya eCameroon ngoba ebengekakulungeli ukubaleka kwinqanaba eliphezulu. Kuthiwa uAdams waye waxelela iASA ukuba uza kubaleka kwiveki ephelileyo. Ngenene ubalekile kwi200m - kodwa wawa ngeneno kwinto ebilindelekile kuye. Lifakwe kweso sithuba igama likaVan Niekerk obaleka ngcono kunoLuxolo kwi200m. "Amacala onke angqinelene ukuba indlela abaleke ngayo uAdams ekuqaleni kwale nyanga ibingancumisi futhi akakulungelanga ukuya kwi'Olimpiki. Umqeqeshi wakhe utshilo ukuba ukwiveki yesine kwilinge lakhe lokuphila. Sithe kungcono ugxile ekuphileni kuqala, emva koko aqale ukulungiselela isizini ezayo," itshilo incwadi esuke kuSepeng ethunyelwe kuye uAdams.

ULuxolo uthi wayifumana indawo yakhe kwiqela eliya kwi'Olimpiki kwangoko kunyaka ophelileyo futhi labizwa igama lakhe kutshanje. Into yokonzakala kwakhe uthi ibisaziwa yiASA futhi uza kuya enkundleni ngoba udlelwa indlala. UMphathiswa weZemidlalo, uGayton McKenzie, ungenelele. Sele ecele iSASCOC neASA ukuba zicacise ukuba kutheni uLuxolo eguzulwe kwiqela loMzantsi Afrika. Akukabikho nto ecacileyo okwangoku. Kodwa ukususwa kwakhe kudale isankxwe kumakhasi onxibelelwano.