Ezemidlalo

USteve Komphela uphawula ngobuyela kwiMamelodi Sundowns

Pedro Mapelo|Published

USteve Komphela ukwamkele ngovuyo ukubuyela kwakhe kwiMamelodi Sundowns. Abalandeli bebhola ekhatywayo bothuswe yiSundowns ebhengeze ukubuya kwakhe ngoMgqibelo odlulileyo. "Namhlanje samkela uSteve Komphela oza kusebenza njengomncedisi kaManqoba Mngqithi," itshilo ingxelo ekhutshwe yiSundowns kumakhasi onxibelelwano ngempelaveki.

Oku kwenzeke emva kokuba iqela lasePitoli ligxothe uRulani Mokwena. Isizathu sokugxothwa kwakhe kuthiwe akenzanga umsebenzi ngendlela ebekulindeleke ngayo kwaphelelwa apho.

Ukugxothwa kwakhe uMokwenze kwenzeke nakubeni ekwazile ukuphumelela indebe yeDStv Premiership ngendlela encumisayo. Ngaphezulu koko, uMokwena use iSundowns kwitumente yehlabathi (Fifa Club World Cup) eza kuyinika ibhiliyoni yonke yerandi.

Enye into ekucaca ukuba khange iselwe so kukuphumelela kwakhe indebe yeAfrican Football League ebiqala ukusingathwa yiCAF. Nangona abaphathi beSundowns benike isizathu esinye - kodwa kuye kwavakala ukuba zikhona ezinye izinto. UMokwena uthe akakwazi ukuthetha ngazo ngoba zingamfaka engxakini.

Yena utshilo enkqubeni kaRobert Marawa ukuba ebengafuni ukuhamba. Uye walahla ngoba unyanzelwe ziimeko ukuba makenze njalo. Khange iphozise maseko iSundowns, ibuyise uKomphela omke kwiSundowns kunyaka ophelileyo emva kokuvakala kwengxelo eyayisithi wayengafunwa nguRulani Mokwena.

Wothusa umzi uKomphela ngokuthi vumbu kwiMoroka Swallows - apho abambe kwade kwasekuqaleni kwalo nyaka. Kodwa ubuyela kwiDowns esuka kwiGolden Arrows ayihlangule isengxakini kwisizini egqithileyo.

Ethetha ngokubuyela kwakhe kwiSundowns, uKhomphela uvakalise uchulumanco olukhulu. "Kundivuyise kakhulu ukubuyela kwiMamelodi Sundowns ngoba yindawo eyayindikhuthaza, indiphethe ngembeko nothando.

“Ndijonge phambili emsebenzini esiza kuwenza apha eMzantsi Afrika nakwizwekazi lonke le'Afrika," utshilo kwingxelo ebhaliweyo. Kwelinye icala, iSundowns ikhulule uJunior Mendieta oye kwiVolos FC yaseGreece. Ulandele abadlali abamkileyo abaquka uBrian Onyango, uBongani Zungu, uThabiso Kutumela noGaston Sirino.

USteve Komphela uphawula ngobuyela kwiMamelodi Sundowns