Emva kwesinye isiqendu esiqhutywe kakuhle, iCosafa ivelise iintshatsheli ezintsha kraca. Ilizwe lasebumelwaneni, iAngola, ligqugqise kwanto ephambi kwalo lathatha indebe yeCosafa emva kokuvuthulula iNamibia ngemvula yamagowuli amahlanu eqandeni (5-0) emdlalweni obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, emalanga ngeCawe edlulileyo.
Ezo ibizuzuphumo zetumente ebekukhuphisana kuyo amazwe alishumi elinambini aquka uMzantsi Afrika okhutshwe kwangoko, iBotswana neMozambique.
Amagowuli ephumelele ngawo iAngola afakwe nguPedro Bondo, uKeliano Manuel noVidinho. Ibiqala iAngola ukuphumelela iCosafa Cup ukusukela oko yaqala ngonyaka ka2004. Ukuphumelela kwayo iAngola akubothusanga abalandeli bebhola ngoba indlela ebukhali ngayo ibibonakele nakwi'African Cup of Nations (Afcon) ebisekuqaleni kwalo nyaka nakubeni bekuchongwe abadlali abohlukileyo.
Okuncomekayo kukuba umqeqeshi we'Angola, uPedro Goncalves, ugqibe kwelokuba iqela elithatha inxaxheba kwiCosafa alibambe ngokwakhe. Amazwe amaninzi athumela imiqheliswa - kodwa yena uze ngokwakhe eMzantsi Afrika kuba efuna ukuqinisa indlela iqela lakhe elisebenza ngayo. UGoncalves uthethe wenjenje ngokwenza izinto ngokwahlukileyo kwamanye amazwe.
"Ekuqaleni kwetumente, ndakubethelela ukubaluleka kokuza kwabaqeqeshi kuyo ngenxa yokubaluleka kwayo. Ndathi kubaphathi bam ndifuna ukusebenza nabadlali abeza kwiCosafa ngoba ndiyonwabele into endiyenzayo. Mhle kakhulu lo nyaka kuthi ngoba siqhube kakuhle kakhulu nakuyo iAfcon," utshilo umqeqeshi.
Iqela likaGoncalves lenze umsebenzi oncomekayo kakhulu nakwicala lokufaka amagowuli. Emidlalweni emihlanu, iAngola iqhayisa ngokufaka amagowuli alishumi elinesihlanu. Ngumsebenzi omhle lowo ngoba ebenqongophele amagowuli emidlalweni yokuqala yeCosafa.
Ilizwe elibambe indawo yesithathu neligoduke nembasa yebronze ibe yiMozambique. Ngelishwa lawo uMzantsi Afrika, awukwazanga ukuya phambili kwiCosafa Cup nakulo unyaka nakubeni ibinguwo osingathe itumente.