Bhasopha wagilwa, Ireland! Owona mdlalo wombhoxo ojongwe ngamehlo abomvu phakathi koMzantsi Afrika ne'Ireland awufikanga ugalelekile. La mazwe mabini aza kuswantsulisana emdlalweni weCastle Lager oza kube useLoftus Stadium, ePitoli, emalanga ngoMgqibelo. Nakubeni AmaBhokobhoko eziintshatsheli zehlabathi - kodwa kukho isikweleti ekufanele asihlawule. Kwitumente ebibanjelwe eFrance kunyaka ophelileyo, i-Ireland yabetha uMzantsi Afrika emdlalweni obalulekileyo.
Ngoku amakhwenkwe kaRassie Erasmus aya emdlalweni wangempelaveki elume ongezantsi futhi ezixelele ukuba kufuneka aziphindisele kwilizwe elicinga ukuba libhetele embhoxweni noxa lingakwazanga ukuthatha iNdebe yeHlabathi eminyakeni egqithileyo engaphaya kwamashumi amathathu. URassie, obuyele esikhundleni sokuqeqesha emva kokuhamba kukaJacques Nienaber, uqinisekisile ukuba AmaBhokobhoko aza kukhokelwa lixhadi lakhe, uSiya Kolisi, xa esiya kowona mdlalo ekunyanzelekileyo ukuba angenzi mpazamo kuwo.
Ukuphumelela kwayo i-Ireland ingakutolika njengempazamo ukuphumelela koMzantsi Afrika itumente yehlabathi kunyaka ophelileyo. Ngenxa yobudala bakhe uKolisi nokudlala kwakhe eFrance, kuyanyanzeleka ukuba kukhangelwe umdlali oza kungena endaweni yakhe odlala apha eMzantsi Afrika. UKolisi ukhe wonyeliswa nguMphathi weqela lakhe othe utyebile futhi akayiyo la nto ebecinga ukuba uyiyo. "USiya uza kukhola iSpringbok. Akonzakalanga futhi ukulungele ukudlala," utshilo uRassie ecacisa imeko kaKolisi.
AmaBhokobhoko ayiqale kakuhle isizini ngokubetha iWales ngo'41-13 emdlalweni obukwinyanga ephelileyo. Nangona uErasmus ezama ukwakha iqela elitsha aza kulwa ngalo kwitumente yehlabathi ka2027 - kodwa uzibuyise zonke uziqwayi zakhe phambi komdlalo wangempelaveki. "Ndicinga ukuba iqela lethu elinamava liza kusinika iziphumo ezihle xa sidibana ne'Ireland. Abadlali esinabo banethuba elide bedlala kunye futhi bayakwazi okulindeleke kwi-Ireland ngoba bakhe badibana nayo ngaphambili," utshilo uRassie.