Emva kweminyaka uMzantsi Afrika ungqisha ndawonye kwiqakamba, kulo nyaka uzamile ukubuyisa isidima sawo nakubeni woyisakele ngomzuzu wokugqibela. UMzantsi Afrika, obusecicini lokuphumelela iT20 World Cup okokuqala, ubethwe yi-India ngomzuzu wokugqibela ngemitsi esixhenxe kwimpelaveki egqithileyo.
AmaNdiya aqhokre imitsi eyi176 kuwe oothinti abasixhenxe. Uphendule uMzantsi Afrika - kodwa wawa ngeneno ku169 yemitsi. Omabini amazwe adlala umdlalo wokugqibela weT20 aye emdlalweni wangoMgqibelo odlulileyo engaphulukenanga namdlalo.
Yinto enkulu leyo kwiqela ebe likhokelwe nguAiden Markram. Emva kokuphumelela itosi, AmaNdiya akhethe ukuqhokra kuqala ngoba ebesazi kakuhle ukuba awunike ithuba uMzantsi Afrika, aza kuzalelwa yinja endlini.
Ungenile uMzantsi Afrika wangcambaza ukhokelwa nguHeinrich Klaasen ngephini lakhe. Bakwazile ukulwa abadlali beProteas bade baqabela ekhulwini. Inkala ixinge etyeni xa kushiyele iibhola ezingamashumi amabini ebekufuneka bafumane imitsi engamashumi amabini anesithandathu kuzo.
AmaNdiya alwe kwakuko. UMzantsi Afrika awukwazanga ukufumana imitsi ebifuneka waba uphoswa kanjalo yindebe yeT20 World Cup. Nakubeni kubekho ukugqwidiza emdlalweni - kodwa uMarkram akafunanga ukusola namnye umdlali.
"Bagibisele kakuhle abadlali be-India," utshilo uMarkram ethetha emva komdlalo. Ithuba lokuba uMzantsi Afrika uzenzele imbali kwiqakamba yehlabathi belikhona - kodwa icamagu alivumanga. "Ayingomdlalo wokuqala kwiqakamba apho iqela libethwe imitsi efunekayo ilingana neebhola eziza kugityiselwa.
"Abadlali be-India banikwe ithuba lokudlala kakuhle. Lo nto ibanike amandla emdlalweni. Zizinto ezenzekayo ke ezo emidlalweni efana nalo wanamhlanje. Bekufanele ukuba senze ngcono nathi. Umdlali ngamnye kwiqela lethu uyenzile indima yakhe. Into endingayitsho ngoku kukuba siyaziqhenya ngendlela esidlale ngayo kwiT20 World Cup.
“Kubi ngoba sibethiwe - kodwa lo nto iza kusihlupheza kwitumente ezayo. Indlela esiqhube ngayo phambi komdlalo wokugqibela iyancomeka kakhulu," utshilo uMarkram. Kulindeleke ukuba iqela lamkelwe njengamaqhawe xa libuyela ekhaya kule veki.