AmaBhokobhoko aqala ubomi obutsha phantsi kukaRassie Erasmus obeke iliso lakhe kwitumente yehlabathi ka2027. Oku kudule ngethuba umqeqeshi ethetha neentatheli izolo. AmaBhokobhoko alungiselela ukudibana neWales emdlalweni oza kube useLondon, eNgilane, ngempelaveki. Lo iza kuba ngumdlalo wokuqala weqela lesizwe loMzantsi Afrika ukusukela oko abuya nendebe eFrance kunyaka ophelileyo. Kubuyele ungqondongqondo omkhulu, uRassie Erasmus, esikhundleni sokuqeqesha emva kokuhamba kukaJascques Nienaber.
"Sizimisele ukuyikhusela indebe yehlabathi kwitumente eza kusingathwa yiAustralia ngo2027. Kunyanzelekile ndisixele isicwangciso endinaso kusaqalwa nokuba kwelinye icala siza kube sizama ukuphumelela imidlalo yovavanyo," utshilo uRassie izolo. AmaBhokobhoko azenzele imbali kunyaka ophelileyo ngokuba liqela lokuqala eliphumelele iNdebe yeHlabathi izihlandlo ezine nokuphakamisa indebe amatyeli amabini elandelelana. Bekunzima eFrance - kodwa uMzantsi Afrika wazicacisa ukuba awunantanga embhoxweni ngokuwisa amazwe alushica.
URassie uthi wakha iqela afuna ligqugqise ihlabathi kwakhona. "Ndinesicwangciso sokuphucula umdlalo wethu ukuze kufike itumente yehlabathi libe iqela lomelele. Yilo nto ndizise uTony Brown waseNew Zealand noJerry Flanner wase'Ireland. Sifuna ukudlala umdlalo obhetele kunolowa siwudlala eFrance. Ukuze yenzeke lo nto, kufuneka abadlali abatsha," utshilo uRassie ekulindeleke ukuba ahlomele abadlali abasakhulayo kwiindawo zabadlali abadala nabenze indima ebonakalayo kwiitumente zombini ezigqithileyo eziphunyelelwe nguMzantsi Afrika.
"Ndizimisele ukungenisa abadlali abatsha kulo nyaka kancinci kancinci ukuze bakhule bade baqhele. Asifuni ukubathwalisa umthwalo onzima ngexesha elinye. Yonke into kufuneka siyenze ngenyameko ngoba andifuni ukubulala abadlali," utshilo uRassie uye wancoma iBlue Bulls ebethe iLeinster kwimpelaveki egqithileyo kwi-United Rugby Championship. Ukuphumelela kweBulls kufane nempindezelo ngoba iLeinster yeyase-Ireland inabadlali ababetha uMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi kunyaka ophelileyo.