UTeboho Mokoena woMzantsi Afrika noFisayo Dele-Bashiru weNigeria emdlalweni wayizolo eGodswill Akpabio International Stadium. Umfanekiso: ©Justina Aniefiok/BackpagePix
Umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uHugo Broos, uzamkele ngovuyo iziphumo ezifunyenwe liqela lakhe nangona belinawo amathuba okufumana impumelelo. Oku ukuthethe emva kokuba aBafana Bafana bebambene ngegowuli elinye macala neNigeria emdlalweni ohlakulela iNdebe yeHlabathi ka2026 obubanjelwe eeGodswill Akpabio Stadium izolo ebusuku. Noxa aBafana Bafana bebefuna amanqaku aphelele - kodwa abakufumeneyo kuza kwenza umahluko.
Indlela yoMzantsi Afrika khange ibe ntle. Banduluke eMzantsi Afrika ngoLwesithathu emva kolibaziseko lweeyure ezimbalwa. Ngelishwa labo, bafike kwisikhululo seenqwelomoya eNigeria kuvaliwe. Kuye kwanyanzeleka ukuba balale apho bebefikele khona.
Kodwa nakubeni kwenzeke ezo zinto, abadlali badlale ngokuzimisela okukhulu ngomhla womdlalo futhi befuna ukuphumelela. Emva kwesiqalo esihle, aBafana Bafana bahambe phambili ngegowuli likaThemba Zwane.
Ushiye amadoda ezizigede emhlabeni kanozinti emva kokunikelwa ibhola ngobuchule nguSphelele Sithole oyinjini yeqela likaHugo Broos. Bakwazile aBafana Bafana ukuxhathisa kwade kwaphela isiqingatha sokuqala nangona iNigeria ibihlasela ifuna igowuli lokulinganisa.
Kwisigaba sesibini, uFisayo Dele-Bashiru uzume aBafana Bafana bengalindelanga wafaka igowuli elivuyise abalandeli beNigeria kwidolophi ekuthiwa yi-Uyo. "Iziphumo zomdlalo zisifanele," utshilo uBroos emva komdlalo.
"Siwafumene amathuba, nayo iNigeria ebinawo amathuba. Ndiyavuyisana nabadlali bam ngoba uhambo lwethu oluza eNigeria belulubi. Emva kohambo olude, silele ekuseni ngoLwesine. Umdlalo ubumhle kodwa okundivuyisa kakhulu yindlela abadlali abalwe ngayo.
Isiqingatha sokuqala sisidlale ngcono futhi sikwazile nokudala amathuba. Bekufanele ukuba sifake amagowuli amabini sawusonga umdlalo. Ngelishwa lethu, iNigeria ifumene igowuli emzuzwini wesibini," utshilo uBroos. ABafana Bafana baza kudibana neZimbabwe emdlalweni oza kube useFree State Stadium ngoLwesibini.