Omnye wabadlali ekulindeleke ukuba kutsalwane ngaye ngamaqela amakhulu ngu-Iqraam Rayners - umdlali waphambili kwiStellenbosch FC. Noxa kunjalo, uRayners uxelele amajelo eendaba enkampini yaBafana Bafana ukuba akazazi nokuba kuza kwenzeka ntoni kuye.
URayners, 28, ebengomnye weefolosi ezifake amagowuli amaninzi kwisizini egqithileyo. Njengokuba engazange adlale ngokwanelisayo kwiSuperSport United - wabuyela eStellenbosch, wafika wadubula kakhulu.
Njengokuba iStellenbosch izuze indebe okokuqala ngeCarling Knockout, uRayners wenze indima ebonakalayo kakhulu. Ngenxa yeso sizathu, kubekho amahum-hum athi kukho amaqela akwamanye amazwe amfunayo.
Kanti nalapha eMzantsi Afrika, amaqela afana neMamelodi Sundowns, Orlando Pirates neKaizer Chiefs angalenza ilinge lokumfumana noxa eza kubiza kakhulu. "Andakazi okwangoku. Ndiza kucinga ngekamva lam emva kwemidlalo yeqela lesizwe," utshilo uRayners kule veki.
Nangona iStellenbosch iza kudlala imidlalo yeCAF Confederation Cup kwisizini ezayo - kodwa ayonqeni ukuthengisa ngoba iyakwazi ukuvelisa abadlali abasemgangathweni ophezulu. "Kufuneka ndibuyele kwiStellenbosch ukuze ndive kuyo ukuba kukho amaqela andifunayo.
“Mna ndakonwatyiswa yilo nto evelayo. Ndakuva kubaphathi beqela ngoba ndinesivumelwani sengqesho neStellenbosch," utshilo uRayners othe angakuvuyela ukudlala ngoba baza kudlala imidlalo yeCAF.
Noxa ukuhamba engekuchasanga - kodwa uRayners uvakalise uvuyo njengokuba iStellenbosch iza kudlala kwiConfederation Cup. "Nokuba kwenzeka ntoni kum, okuhle kukuba iqela lethu liza kudlalo imidlalo yeCAF.
Iza kubanceda kakhulu abadlali abasakhulayo lo nto ngoba baza kufumana ithuba lokulola izakhono zabo," utshilo uRayners. Kulindeleke ukuba uRayners abe yinxalenye yeqela lesizwe eliza kudlala neNigeria neZimbabwe kwiintsuki ezimbalwa. Iqela lesizwe lizama ukuya kwitumente yehlabathi yango2026.