Ixesha lokuhamba kwabadlali nabaqeqeshi emaqeleni selivuliwe kwiPremier Soccer League emva kokusongwa kwesizini kwiveki ephelileyo. Umntu wokuqala ukukhonjwa emnyango nguMorgan Mammila obeyintloko yezoqeqesho kwiChippa United.
Wonke umntu wothukile akuva ezo ndaba ngoba khange kubonakale nto imbi phakathi kwakhe noKwanele Kopo noThabo September abaqeqesha iqela. Emva kokuhamba kwakhe, uMammila uxelele amajelo eendaba ukuba akagxothwanga nguSiviwe Mpengesi owaziwa ngokugxotha, isigqibo senziwe ngabanye abantu.
Emva kweentsuku ezimbalwa, uMammila uthe vumbu kwiBaroka FC njengomqeqeshi wethutyana. Oku kwenzeka emva kokuba iBaroka FC inqumamise uDan Malesela ngezizathu ezingachazwanga ngokupheleleyo.
Konke oku kwenzeke emva kokuba AmaTuks ebethe iBaroka ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni wokuxabangela (PSL PlayOffs) obungempelaveki egqithileyo. USihlalo weBaroka, uKhurishi Mphahlele, utshilo yena kwinkqubo kaMarawa ukuba uDan usikiwe ngenxa yezityholo zokungaziphathi kakuhle - kodwa akazidiza iinkcukacha.
"Ewe, uMalesela unqunyanyisiwe. Sikwenze oko kuba kukho izityholo esiziphandayo. Ngenxa yalo nto, sibone ukuba masithathe inyathelo ngelizama ukuqubisana nezo zityholo. Xa iphelile imidlalo yokuxabangela, ndiza kubuyela kuwe nditsho ukuba kwenzeke ntoni," utshilo uMphahlele kwi947 Radio.
Okwenzeke kuMalesela kubothusile abantu abaninzi ngoba uzamile ukuyinceda iBaroka yade yafika kwindawo ekuyo ngoku. "Sibone ukuba masibambise uMorgan Mammila okwethutya," utshilo uSihlalo weBaroka.
Eli qela laseLimpopo lidlala kwiMotsepe Foundation Championship - kodwa ke ngoku lizama ukubuyela kwiDStv Premiership ebelidlala kuyo kwiminyaka engaphambili. Noxa uMammila esengumqeqeshi osengumqheliswa - kodwa yena uyakwazi ukuqeqesha.
Uzicacisile kwiChippa United amatyeli amabini nakubeni izinto ziphinde azalunga. Emdlalweni olandelayo, iBaroka iza kudibana neRichards Bay ezama ukugcina indawo yayo kwiDStv Premiership emva kokuvala isizini ikwindawo yeshumi elinesihlanu.