Hugo Broos, coach of South Africa during Bafana Bafana training and press conference at FNB Stadium in Johannesburg on 04 September 2023 ©Samuel Shivambu/BackpagePix
Phambi kokuntingela emantla ezwekazi le'Afrika, uHugo Broos uthe thaca elubala izinto azifunayo emidlalweni emibini iqela lakhe elijongene nayo. UMzantsi Afrika ulungiselela ukudibana neNigeria emdlalweni ohlakulela itumente yehlabathi (2026 Fifa World Cup) emdlalweni oza kube ungoLwesihlanu wale veki eGodswill Akpabio Stadium.
Emva kwalowo umdlalo, uMzantsi Afrika uza kubyela ekhaya ngokukhawuleza ukuze ulungiselele ukudibana neZimbabwe emdlalweni oza kubanjelwa eFree State Stadium ngoLwesibini weveki ezayo.
ABafana Bafana bazama indlela yokuya kwitumente yehlabathi emva kokuphoswa yegqithileyo ebibanjelwe eQatar ngo2022. Umqeqeshi uthe ujonge ukufumana amanqaku amane emidlalweni emibini ezayo. "Wonke umntu uyazi ukuba sifuna ukuya kwitumente yehlabathi. Sijongene nemidlalo enzima.
“Siya kwiNigeria enabadlali abadlala eYurope. Okuhle kukuba sizibonile ukuba sinawo amandla okumelana nabo kwiAfcon. Ukuba sasinethamsanqa, ngekwaya thina emdlalweni wokugqibela weAfcon - hayi iNigeria," utshilo uBroos enkampini kule veki.
Umqeqeshi unethemba lokuba aBafana Bafana baza kuvelisa umdlalo omhle xa bedibana neNigeria kwakhona. Nakubeni iZimbabwe ibikhe yasikwa yiFifa - kodwa uMzantsi Afrika akufuneki uyithathe kancinci. "Umdlalo esiza kudibana kuwo neZimbabwe wahlukile.
Sidlale kakuhle emidlalweni egqithileyo - kodwa akungeke kube lula ukubetha iZimbabwe. Nakubeni kunjalo, kufanele sizithembe futhi siwasebenzise amathuba esiwafumanayo. Noxa iAlgeria yafaka amagowuli amathathu kuthi - kodwa sadlala kakuhle, Sijonge amanqaku amane okanye amathandathu," utshilo.
UBroos akafuni iqela lakhe libethwe emidlalweni ezayo. Amehlo aza kubekwa kwifolosi yeStellenbosch, u-Iqraam Rayners, emva kokuqhuba kakuhle kwisizini edlulileyo. Noxa uRayners engakhange aye kwiAfcon - kodwa usebenze kakuhle emidlalweni emibini emva kwayo.
"Kumnandi ukuba lapha. Ndibulela umqeqeshi ondibizileyo. Ndiqinisekile, ndiza kuyenza indima yam ukuba ndilinikiwe ithuba lokudlala," utshilo uRayners okhe wafumana igowuli uMzantsi Afrika udlala neAlgeria. Kulindeleke ukuba uRayners akhuphisane noPercy Tau noLyle Foster ngendawo yokudlala.