Ezemidlalo

UJose Riveiro ulola iPirates eza kulwa neDowns kwisizini ezayo

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi we'Orlando Pirates, uJose Riveiro, uvakalise uchulumanco emva kokuba iqela lakhe likhusele indebe yalo ngempumelelo. Ngempelaveki egqithileyo, iPirates iphakamise indebe yeNedbank okwesibini emva kokubetha iMamelodi Sundowns ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni obuvutha bhe eMbombela Stadium.

Ukuphumelela indebe kuthethe ukuthi iPirates ivale isizini ineendebe ezimbini. Eyokuqala yiMTN8 eyayifumana ngokubetha iSundowns phambi kokuphela konyaka ka2023. Kwelinye icala, iPirates ikwazile ukubuyela kwiCAF Champions.

Njengokuba iPirates ivale isizini ngendlela encomekayo, okuthethwe nguRiveiro, 46, kucacisa mhlophe ukuba ulola izikrweqe zokulwa neSundowns kwisizini ezayo kwiDStv Premiership. Ethetha emva komdlalo ngorhatya ngoMgqibelo ogqithileyo, uRiveiro uthe iqela lakhe lenze inkqubela encomekayo kakhulu.

"Ukuba ungandibuza ngokwenzeke kwiqela esinalo ngoku, ndingakuxelela ukuba kukho into esiyiphekayo apha. Kule isizini senze inkqubela ngaphezulu kwedlulileyo," utshilo umqeqeshi ozenzele igama ngothatha iindebe ezine eminyakeni emibini efikile eMzantsi Afrika.

Ukubetha iSundowns okwesibini emdlalweni wendebe yinto enkulu kakhulu noxa bekunzima. EZimnyama zikhululwe ngamagowuli afakwe nguPatrick Maswanganyi noRelebohile Mofokeng emzuzwini wokugqibela kwixesha likasompempe.

Oko kwenzeke nakubeni iSundowns iqhufuze iqanda kuqala ngegowuli elifakwe nguThemba Zwane ofumene ibhola entle kuLucas Ribeiro. "Bekukubi ekuqaleni komdlalo. Kuthathe imizuzu ebalekayo ukuze iqela lethu likwazi ukumelana neSundowns ebihlasela. Andazi nokuba abadlali bebesoyika na. Ifumene ipenela evalwe nguSipho Chaine," utshilo uRiveiro omncomileyo unozinti wakhe.

UKapteni wePirates, u'Innocent Maela, umchaze uRiveiro njengomqeqeshi okrelekrele kakhulu emva komdlalo obuseMpumalanga. "Umqeqeshi wethu usoloko esixelela ukuba akuqali kwiveki yomdlalo ukulungiselela umdlalo wendebe. Uthi yinto yemihla ngemihla. Wabethelela lo nto ezingqondweni zethu.

“Yiyo lo nto ingandothusi indlela abadlale ngayo abadlali bePirates," utshilo uMaela. Wonke umntu wothukile phambi komdlalo xa uRiveiro eqala undlalo ngaphandle kukaMabasa noMofokeng - kodwa uMaela uthi wonke umntu unoxanduva lokwenza igalelo lakhe. "Umqeqeshi uthe umdlalo ufuna iqhinga elahlukileyo," utshilo uMaela.