Kulindeleke ukuba kudlane iintsimbi xa kudibana amaqela amakhulu emdlalweni weNedbank Cup. Namhlanje emalanga ngentsimbi yesithathu, i'Orlando Pirates iza kuthathana neMamelodi Sundowns emdlalweni oza kube useMbombela Stadium.
Umdlalo ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo ngoba amaqela omabini afuna ukuphakamisa indebe yeNedbank. IPirates ziintshatsheli ezikhuselayo zeNedbank Cup. Lo nto ithethe ukuthi iya emdlalweni ifuna ukuyigcina indebe yayo, ngakumbi idlala neSundowns ephakamise indebe yeDStv kutshanje.
Phakathi kwabadlali ekulindeleke ukuba ixhathise ngabo iPirates kukho umdlali waseswini, uMakhehleni Makhaula. Kunyanzelekile ziqine eZimnyama ngoba zayibetha kumapenela iSundowns esenomsindo ekuqaleni kwesizini kunyaka ophelileyo kwiMTN8 emdlalweni owawubanjelwe eMoses Mabhida Stadium.
UMakhaula uthi umdlalo ophakathi kwePirates neSundowns uza kuba mkhulu kakhulu. "Ndicinga ukuba amaqela omabini akayanga ngempazamo emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup. Asebenze ngokuzimisela," utshilo uMakhaula.
"ISundowns sele izibonakalisile ngokuphakamisa indebe yeDStv Premiership. Ngelishwa thina sifumene indawo yesibini ezantsi kwayo. Senze umsebenzi omhle thina ngokuphumelela imidlalo yokhuphiswano neyeDStv Premiership - kodwa wonke umntu ulindele ukuba kuphumelele iSundowns.
“Umdlalo uza kunika umdla kakhulu kwababukeleyo," utshilo uMakhaula. Emdlalweni obuphakathi kwePirates neSundowns kulo nyaka, zange kubekho eliphumelelayo. Kulo wanamhlanje umdlalo kunyanzelekile kubekho eliphumelelayo. Yilo nto kanye eza kwenza kube mnandi.
"Umdlalo uza kubambana ngoba kuza kube kudibene amaqela amakhulu. Akukho qela elingazukuhlasela. Ukuba iSundowns ifumene igowuli kuqala, sifuna ukufaka amabini kuyo," uvale ngaloo mazwi uMakhaula. Kule isizini ulinikiwe ithuba lokudlala futhi udlale kakuhle kakhulu.
Umqeqeshi weSundowns, uRulani Mokwena, uthe iqela lakhe liwulungele ngokupheleleyo umdlalo wanamhlanje. Kanti yena uJose Riveiro uza kukhuthazwa kukungena kwePirates kwiCAF Champions League nokufuna ukuqinisekisa ukuba nguye iinkunzi kwicala leendebe eMzantsi Afrika.