Njengokuba iKaizer Chiefs ikhangela umqeqeshi omtsha, uBenni McCarthy ubonakalise umdla. UMcCarthy ngumqeqeshi weefolosi kwiManchester United edlala kwiEnglish Premier League. Kodwa iingxelo zamajelo eendaba eNgilane zithi isivumelwano sakhe sengqesho asizukuvuselelwa yiManchester United.
Ukungaqinisekiswa kwekamva likaMcCarthy kudibene nokungaqinisekwa kwekamva lomqeqeshi weManchester United, uErik ten Hag, nakubeni ikhona indebe ayifumeneyo ekupheleni kwesizini.
Amakhosi ayanyaniswe nabaqeqeshi abaliqela, phakathi kwabo ekukho uPitso Mosimane obekade eqeqesha kwiSaudi Pro League, uManqoba Mngqithi weMamelodi Sundowns noSead Ramovic oqeqesha iTS Galaxy.
Akukacaci ukuba ngubani oza kukhethwa ngaMakhosi okwangoku - kodwa uMcCarthy uthe ukuba ukhwaziwe uza kusabela. "Bambalwa abantu ehlabathini abanokuthi hayi kwiqela elikhulu njengeChiefs," utshilo uMcCarthy ethetha noRobert Marawa kwinkqubo yeRadio 947 ekwiphondo laseGauteng.
"Jonga, uVincent Kompany uye kwiBayern Munich - elinye lamaqela amakhulu. Ndingakho ukuba iChiefs liqela elikhulu. IChiefs liqela endakusoloko ndilithanda. Ndiyithanda ngoba liqela lam lasekhaya eMzantsi Afrika futhi ndaqala ukuyithanda ndisemncinane. Ndithanda yonke into ngeChiefs.
“Into endingazange ndikwazi ukuyenza kukuyidlalela okanye ndiyiqeqeshe. Andikwazi ukuthethela abanye abantu ngethuba elinokuvela - kodwa ndiza kuliqwalasela ukuba ndingalinikwa," utshilo uMcCarthy ozenzele igama njengomdlali nanjengomqeqeshi ebholeni ekhatywayo.
Wamba eMzantsi Afrika kwisithuba seminyaka emibini edlulileyo emva kokuba wachithwa ngaMaZulu. Phambi koko, wanceda iCape Town City yafumana indawo entle kwiDStv Premiership yafumana nendebe yeMTN8 ngo2018.
Ukuba kunokwenzeka abe ngumqeqeshi weChiefs, angamkelwa ngezandla ezishushu ngabalandeli bayo ngoba ukhe waziqaqambisa kumaqela amabini ebholeni yaseMzantsi Afrika phambi kokuya kusebenza nabadlali abasemgangathweni ophezulu kwelona qela elithandwa kakhulu ehlabathini, iManchester United.