Ezemidlalo

UPrudence noSimbine benze ezibukwayo kumaqonga ehlabathi

Pedro Mapelo|Published

Iimbaleki ezaziwayo, uPrudence Sekgodiso no'Akani Zimbine, zibuyise isidima soMzantsi Afrika ngempelaveki egqithileyo. Oku zikwenze emva kokuqhumisela ngothuli ogxa bazo behlabathi kwimidyarho yeembaleki ebikwiindawo ezahlukeneyo.

USekgodiso, obaleka ngendlela engenambaliso, uphumelele ugqatso lamanenekazi olungumgama ongamakhulu asibhozo eemitha (800m) kwiWorld Athletics Diamond League ngexesha elibengaphantsi kwemizuzu emibini (1:57:26). Wenze umsebenzi omhle kakhulu uPrudence, 22, ngoba uphucule ixesha ebekhe walibaleka elingaphantsi komzuzu (1:58:05).

Ixesha alibaleke eMorocco liphucukile kunelo walibaleka ePitoli kunyaka ophelileyo. Khange akholelwe emva kogqatso ashiye kulo iimbaleki ezaziwayo ezifana noHabitam Alemu was'Ethiopia obaleke umzuzu onamashumi amahlanu anesixhenxe emizuzwana (1:57:70).

Khange akholelwe uSekgodiso emva kokuba ethe wabetha iintaka ezimbini ngelitye elinye kwiWorld Athletics Diamond League. "Khange ndicinga ukuba ndingabaleka ngesantya esingaka. Ukuphumelela ugqatso yinto esoloko isengqondweni yam - kodwa andikholelwa. Ndiyazingca ngendikwenzileyo apha, utshilo uSekgodiso.

Iimbaleki ezifana noLythe Pillay, uZeney Geldenhuys, uTshepo Tshite noRyan Mphahlele zizamile kwelazo icala - kodwa ngelishwa azikwazanga ukufumana iimbasa. Kodwa nakubeni kunjalo, uSimbine ukhumbuze iimbaleki zehlabathi ukuba ungubani ngethuba ephumelela indawo yokuqala kumgama olikhulu leemitha (100m) kugqatso obelubanjelwe eMelika. Okuncumisayo kukuba uSimbine wenze elona xesha elihle kulo nyaka. Naye kwelakhe icala ushiye amadoda aziwayo afana noFerdinand Omanyala waseKenya.

Khange kuphelele kuSimbine ngoba nayo imbaleki yemigama emide, uGlenrose Xaba, yenze umsebenzi omhle kakhulu eLondon - apho ibaleke ixesha elingamashumi amathathu ananye emizuzu nemizuzwana (31:26:78) kumgama olishumi lamawaka eemitha (10 000m).

Ebeqala uXaba ukubaleka imizuzu engaphantsi kwamashumi amathathu anesibini kugqatso abambe indawo yesithandathu kulo. "Kumnandi kuthi eMzantsi Afrika xa iimaleki zethu ziqhuba kakuhle kumanqanaba ehlabathi. Yinto enkulu ukumenywa kwiDiamond League. Ndivuyisana nazo zonke iimbaleki, utshilo uJames Moloi.