Kulindeleke kubekho abantu abalala beneentliziyo eziqaqambayo ngomhla wokugqibela wesizini yeDStv Premiership. Emidlalweni esibhozo eza kudlalwa ngoMgqibelo kwiindawo ngeendawo eMzantsi Afrika, mithathu imidlalo eza kutsala umdla wabalandeli bebhola ekhatywayo ngoba ibandakanya amaqela amathathu alwela ukungena kwiTop 8.
Loo maqela yiKaizer Chiefs, AmaZulu nePolokwane City. Iya emdlalweni wokugqibela ingazazi nokuba iya kuphelela phi iChiefs emva kokuba ingakwazanga ukubetha iPolokwane City emdlalweni weDStv Premiership ebekuwongwa ngawo u'Itumeleng Khune ofince amashumi amabini anesihlanu engumdlali wayo.
Ngenxa yeso sizathu, iChiefs iya emdlalweni eza kudibana kuwo neCape Town Spurs ifuna impumelelo ukuze iqiniseke ukuba inendawo kwiTop 8 phambi kokuvalwa kwesizini. Amakhosi azibhaqa entyumpantyumpeka ehlazweni emva kokungaqhubi kakuhle kwisizini esomgwayo.
Yinto leyo eyenze abalandeli bawo bakuzila nokuya emidlalweni ayidlalayo. Lishumi leminyaka ngoku Amakhosi ebhuqwa yindlala yeendebe - into engazange yenzeka kwimbali yawo ukusukela ngeminyaka yokusekwa kwawo.
UCavin Johnson namakhwenkwe wakhe kulindeleke ukuba bazame ilinge lokugqibela elinokuhlangula iChiefs ehlazweni elingasoze lilityalwe embalini yebhola eMzantsi Afrika. Ihleli kwindawo yesibhozo iChiefs enamanqaku angamashumi amathathu anesithandathu.
AmaZulu anamanqaku alingana nawayo kwindawo yethoba kuze kulandele iPolokwane City kwindawo yeshumi enamashumi amathathu anesithandathu. Ngaphandle kwamathandabuzo, AmaZulu aza kulwela ukungena kwiTop 8 ngoba yeyona nto enkulu anokuzenzela yona nawo kwisizini engakhange ihambe kakuhle.
Umqeqeshi waMaZulu uza kulwela ukuba nento anokubambelela kuyo ekupheleni kwesizini ngoba umphathi wakhe, uMnu. uSandile Zulu, yindoda emsusayo umqeqeshi xa iqela lingaqhubanga kakuhle. Kwakucaca emva kwesizini ukuba wonelisekile na yindlela iqela eliqhube ngayo.
Ngaphandle kwamaqela aza kube ezama ukufumana iindawo ezibhetele emidlalweni yokugqibela, yona iSundowns iza kube izama ukubetha iintaka ezimbini ngelitye elinye. Emva kokophula irekhodi layo iMamelodi Sundowns lamashumi asixhenxe anesibini amanqaku, iza kuzama ukongeza amanye amanqaku emdlalweni wokuvala eza kudibana kuwo neCape Town City emalanga ngoMgqibelo eLoftus Stadium.
Iqela lasePitoli liza kunikwa indebe yeDStv Premiership ngokusesikweni elayiphumelela ngokungomba iChiefs ngemvula yamagowuli amahlanu kwelinye eFNB Stadium kwiiveki ezigqithileyo. Kanti kwiveki ezayo, iSundowns iza kudibana ne'Orlando Pirates emdlalweni weNedbank Cup.