Omnye wemidlalo yeDStv Premiership oza kube ujongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli ngulowo uphakathi kweStellenbosch FC neMamelodi Sundowns. Lo mdlalo wala maqela mabini uza kube ungentsimbi yesithathu namhlanje e'Athlone Stadium.
Ngumdlalo omkhulu kuwo omabini amaqela ngoba aza kulwela ukuphumelela. Kodwa okuza kuwenza umdlalo ube nomdla kukuba iStellies siza kukhangela indlela yokuziphindisela emva kokuba sibethwe yiSundowns ngamagowuli amabini kwelinye kwiNedbank Cup emdlalweni obusekuqaleni kwale nyanga eDanie Craven Stadium.
Iqela likaSteve Barker liphantsi koxinizelo emva kokubethwa yiMoroka Swallows ngo'2-0 kwiveki ephelileyo ngoba lifuna ukuvala isizini kwindawo yesibini. Kwelinye icala, iMamelodi Sundowns sele kuqinisekisiwe ukuba iziintshatsheli - kodwa ngoku idlalela ukwenza imbali entsha.
Ngaphezulu kokuba kuza kudibana amaqela amabini aqhube kakuhle kwisizini ka2023/24 akukho nalinye elifuna ukuvala isizini ngendlela engancumisiyo. Iza kuzama iStellenbosch ukubetha iSundowns engekabethwa kule sizini ngoba ifuna ukubanga indawo yesibini egxeleshwe yi'Orlando Pirates.
UBarker uxelele amajelo eendaba ukuba imidlalo emibini yeqela lakhe iza kuba nzima kakhulu. "Kuninzi okusadlalelwayo futhi kuninzi nokunokwenzeka emidlalweni eshiyekileyo. Into esiyifunayo kwiStellenbosch kukuvala isizini kwindawo yesibini.
“Asizimiselanga ukulahla ithemba futhi siza kulisebenzisa ithuba esilifunayo ukuze yenzeke into esiyifunayo," utshilo uBarker ovala isizini encumile emva kokuba iqela lakhe liphumelele indebe yeCarling Knockout okokuqala lanyuselwa kwiDStv Premiership. Akuphelelanga apho, iStellenbosch edlala kwiDiski Challenge ziintshatsheli ezintsha.
Nakubeni iStellies sikhuthazekile - kodwa siza kudibana neSundowns ekelemileyo emva kokubetha iRoyal Am ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weDStv Premiership obuphakathi evekini. UPeter Shalulile oyingozi kufuneka abekwe esweni noLucas Ribeiro olinxele alibukhali kakhulu.
URulani Mokwena uyibeke yacaca into ethi iqela lakhe alizukuyekelela kuba selilungelwe futhi lizimisele ukunyukela kumgangatho ophezulu. Noxa iSundowns ingaphumelelanga kwakhona kwilinge layo lokuthatha iCAF Champions League - kodwa iza kuxoliswa kukuba iziintshatsheli ze'African Football League zokuqala.