Ezemidlalo

UMoloi uzimisele ukuhlangula uLuvo Manyonga owanqwamza iR84-million

Pedro Mapelo|Published

UwayenguMphathiswa weZemidlalo, uFikile Mbalula noLuvo Manyonga. Umfanekiso: Facebook

UwayenguMphathiswa weZemidlalo, uFikile Mbalula noLuvo Manyonga. Umfanekiso: Facebook

UMongamelii we'Athletics South Africa, uJames Moloi, uzibophelele ngokupheleleyo ekuncedeni uLuvo Manyonga owanikwa isigwebo seminyaka emine engathathi nxaxheba kwezemidlalo. OkaManyonga wazenzela igama ngokutsiba imigama emide emidlalweni yehlabathi - kodwa ngelishwa, waye wamoshakalelwa bubomi bakhe emva kokuzintywilisela kulonwabo olugqithisileyo neziyobisi ezamphuca yonke into yakhe.

UMoloi uthe uzimisele ukuvuselela isakhono sikaManyonga owanqunyanyiswa yiWorld Athletics iminyaka emine ngo2019 emva kokuba kwafunyanwa ukuba usebenzisa iziyobisi emva kokwenziwa uvavanyo izihlandlo ezibini zilandelelana.

UManyonga waqala ukuzenzela igama elihle kwezemidlalo ngo2016 - unyaka awabuya ngawo negolide kwimidlalo ye'Olimpiki eyayibanjelwe eRio de Jeneiro, eBrazil. Emva koko waphumelela kwimidlalo yeWorld Championship eyayibanjelwe eLondon neyamazwe angamathanga (Commonwealth Games) neminye.

Noxa esazi ukuba uza kuhamba nzima, uMoloi ukulungele ukumbamba ngesandla uManyonnga futhi aqinisekise ukuba ubomi bakhe buyaguquka. "Bendikhe ndathumela abantu bayomkujonga ukuba unjani. Yinto yenyanga ephelileyo le ndiyithethayo. Sizimisele ukuqinisekisa ukuba uManyonga ubuyela emidlalweni," utshilo uMoloi.

"Emva kokuba egqibe isigwebo sakhe, siza kumfunela abantu abaza kumnceda. Kungakuhle ukuba singafumana umntu oza kuqinisa isandla futhi amlandele kuyo yonke into ayenzayo. Nokuba umntana wakho uzifake engxaki, xa ungumzali uye uqinisekise ukuba imeko yakhe iyaguquka," utshilo uMoloi.

Njengokuba uLuvo Manyonga, 33, wayeneembasa edumile, yangena imali ivela macala onke njengabantu bonke abadumileyo kwezemidlalo. Kutshanje uxelele inkqubo kamabonakude, iMzansi Magic I Blew It, indlela awayibhubhisa ngayo imali eyiR84-million eminyakeni egqithileyo. Okucacayo kukuba zathi zakumhambela kakuhle izinto, waguquka futhi akacinga ngengomso.

Emva kokuphumelela kwakhe kwi'Olompiki, wanikwa iR250 0000 nguRhulumente. Ngaphezulu koko, uNike wamsebenzisa kwiintengiso zakhe wamnika imali eyiR42-million. Wafuma enye imali eninzi kwakhona emva kokuqhuba kakuhle kwakhe ngo2018. Emva koko waye waqala ukuchitha imali yakhe kwiimoto zexabiso eliphezulu, wachitha imali emantombazaneni nakwiziyobisi.

Bona abazali wabalungiselela umzi ePaarl, eNtshona Koloni - kodwa zange ayeke ukudyakraza imali kwizinto ezingenamsebenzi. "Ndathenga imoto yaseJamani ngeR900 000. Kodwa ndandizimosha iimoto ngoba ndandifihla kuzo iziyobisa kuphinde kube nzima ukuzifumana ndizikrazulu izitulo," utshilo uManyonga kumabonakude kutshanje.

Abantu abasondeleyo kuManyonga bathi wayechitha imali eqikelelwa kwiR400 000 ngenyanga kwiihotele ezahlukene ehamba neetshomi zakhe. Kwelinye icala wayechitha imali ekwiR300 000 kwiziyobisi ngentsuku nje ezimbini. Ngenxa yokungena nzulu kwakhe kwiziyobisi, waye wasiwa kwiziko loluleko elaliza kumncede aphuncuke kwiziyobisi - kodwa wazimela kwindawo awayesiwe kuyo eThekwini waphela ehlala ezitalatweni.

Nangoba izinto zingasafani, uManyonga unethemba lokuqoqosha ubomi bakhe ngokutsha xa kuphela isigwebo kwinyanga yokugqibela kulo nyaka. Icekwa likuye ngoku emva kokuba uMongameli we'Athletics South Africa ethe uza kumfunela umntu oza kumnceda abuyele kundalashe.