UZizi Kodwa nguMphathiswa weZemidlalo.
Emva konyaka exhuzula imikhala kwisebe leZemidlalo, uZizi Kodwa, uthi lifikile ixesha lokuba uRhulumente ajonge enye indlela yokuxhasa icandelo lezemidlalo. UMphathiswa ukuthethe oku kutshanje, kanye njengokuba bonke abaphathiswa beqoqosha izinto zabo phambi kolonyulo olubekelwe umhla wamashumi amabini anethoba kule nyanga kaCanzibe.
Imali enikwa imibutho, ngokwahlukana kwemidlalo eMzantsi Afrika, incinci kakhulu. Kuye kunyanzeleke abakwicandelo lezemidlalo bayokubotyoza iminqwazi koosomashishini abazimeleyo ukuze bakwazi ukwenza iinkqubo zemibutho.
Xa oosomashishini bengenawo umdla emdlalweni othile, kubakho ukuqhwalela okuthile kuloo mdlalo. Umzekelo ophilayo ngumdlalo wamanqindi. Noxa ingumdlalo uvelise inqwaba yeentshatsheli zehlabathi - kodwa awuxhaswa ngoosomashishini.
Emva kokwabelana nabantu abaninzi ngolwazi emidlalweni eyahlukeneyo, uMphathiswa uthi unolwazi oluphangaleleyo ngokwenzeka emidlalweni kwaye kufuneka uRhulumente akhangele indlela entsha yokutyala imali kwezemidlalo. Mhlawumbi ingenzeka lo nto ukuba uMongameli uCyril Ramaphosa uye wamgcina kwikhabhinethi yakhe emva kovoto.
"Ndinqwenela ukubona uRhulumente olandelayo esenza utyalomali olubonakalayo kwezemidlalo. Andiqondi ukuba siyixhasa ngokwaneleyo imidlalo xa sithelekisa nengeniso yayo kwinxili kaRhulumente," utshilo uKodwa ethetha kwiSABC Sport.
"Emazweni endikhe ndaya kuwo, isebe leZemidlalo lelona elinikwa isabelo esikhulu ngenxa yemali ezemidlalo eziyingenisayo elizweni. Mandenze umzekelo ngeRussia; phaya isebe leZemidlalo liphezulu ngoba imidlalo incedisa kakhulu ekubumbeni isizwe. Kuninzi esikwenzileyo - kodwa singenza ngcono," utshilo uMphathiswa
Zininzi iindlela ekunozanywa ngazo imali enokuthi ifunqule imidlalo elizweni laseMzantsi Afrika. URhulumente kufuneka akhuthaze amashishini azimeleyo ukuba enze ngaphezulu kunoba esenza kwicala lokuxhasa abekwezemidlalo ezithi ziphakamise igama lesizwe phakathi kwezinye izizwe.
"Zikhona iindlela esingazijonga. URhulumente angeke atsale yedwa, uza kudinga oosomashishini ukuze benze eyabo indima," utshilo uKodwa. Kunyaka ophelileyo, abantu baseMzantsi Afrika abaninzi bancedwa ziinkampani ezifana noSA Breweries noHollywoodbets ukuze babukele itumente yehlabathi yomboxo uSABC ekhala ngokungabikho kwemali yokuthenga amalungelo okusasaza imidlalo.