Idabi lobukhaya ebeliphakathi kwamaqela aseLimpopo liphele kungekho qela eliphumeleleyo. Oku kwenzeke emva kokuba iPolokwane City ibambene ngeqanda macala neSekhukhune United emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e'Old Peter Mokaba Stadium emalanga namhlanje.
Omabini amaqela ephondo laseLimpopo aye emdlalweni wanamhlanje kungekho xinizelelo kuwo ngoba asezindaweni ezibhetele. Kodwa emva kokufumana inqaku elinye emdlalweni wanamhlanje, iPolokwane City ingqinibe iKaizer Chiefs yayikhupha kwiTop 8.
Omabini amaqela aye emdlalweni wanamhlanje engayiphumelelanga imidlalo egqithileyo. Ifolosi yeSekhukhune eyingozi, uChibuike Ohizu, ifumene ithuba lokuyibeka endaweni entle kwangoko kakhulu emdlalweni - kodwa ibhola yayo iqabele ngaphezulu kweepali.
Unozinti weSekhukhune, uManuel Sapunga, uye wasebenza ekuthambekeni kwesigaba sokuqala ngethuba evala ibhola ebikhatywe nguSiphesihle Mkhize. Nayo kwelayo icala iPolokwane City ilifumene ithuba lokufaka igowuli engelenze umahluko emdlalweni - kodwa ngelishwa layo, ibhola kaHlayisi Chauke iphume ecaleni kweepali.
ULehlohonolo Seema wenze iinguqu enethemba lokufumana into emdlalweni. Khange benze mahluko abadlali abafakileyo nakubeni umdlalo weqela lakhe uye waphucuka. Amathuba ebekhona - kodwa into angakwazanga ukuyenza amaqela kukufaka ibhola emnatheni.
IPolokwane City, ebidlalela ekhaya namhlanje, ihleli kwindawo yesibhozo ngoku emva kokuqokelela amashumi amathathu anesihlanu amanqaku emidlalweni engamashumi amabini anesixhenxe. Yona iSekhukhune ihleli kwindawo yesine emva kokuzuza inqaku elinye emdlalweni wanamhlanje.
Komnye umdlalo obalulekileyo namhlanje, iMoroka Swallows izikhuphe engxakini ngokubetha iStellenbosch ngamagowuli amabini eqandeni eDobsonville Stadium. Ukuphumelela kwayo iSwallows kuyibeka endaweni entle ngoba sobe iphinde ibe nexhala lokuwelwa lizembe kule sizini.
Iqela likaMusa Nyatama liza kulwela indawo yesibhozo emidlalweni eshiyekileyo namaqela afana neChiefs nePolokwane. Yona iStellenbosch ebethwe namhlanje isecicini lokususwa yiPirates kwindawo yesibini ukuba ikwazile ukubetha iRichards Bay etsala nzima emdlalweni wale mpelaveki.