Umdlali odlala emva, uLebohang Ramalepe, uthi uMzantsi Afrika kufuneka uzimisele xa udibana neNigeria emdlalweni ongoLwesihlanu. ABanyana Banyana baza kunyathelana neentokazi zaseNigeria emdlalweni obalulekileyo oza kukhupha iqela eliza kumela iAfrika emidlalweni ye'Olimpiki eza kube ibanjelwe eFrance ekuthambekeni kwalo nyaka. Emva komdlalo wokuqala oseMKO Abiola Stadium kule veki ngoLwesihlanu, la mazwe mabini aza kuphinda alwe futhi emdlalweni oza kubanjelwa eLoftus Stadium, ePitoli, ngomhla wethoba kwinyanga kaTshazimpuzi.
URamalepe ukubethelele ukubaluleka kokulwa kweqela lakhe ukuze liye eFrance. "Ngumdlalo onzima lo esijongene nawo. Khumbula ukuba abanye bethu baphoswa yimidlalo ye'Olimpiki egqithileyo. Siyakwazi ukubaluleka kokuphumelela lo mdlalo esiya kuwo," utshilo uRamalepe. Ukuze uMzantsi Afrika ube nethuba lokuya eFrance, kunyanzelekile ungavumi ukubethwa yiNigeria emdlalweni wale veki. Ngeke ibe yinto elula leyo phambi kwabalandeli bayo iNigeria eyingozi kakhulu - kodwa kufuneka bazame aBanyana Banyana.
"Ukudlalela kude nekhaya umdlalo wokuqala ndicinga ukuba kungasinceda. Sakubuyela ekhaya sisenalo ithuba lokuzama kwakhona. Lo ngumsebenzi omkhulu ojamelene nawo omabini amazwe afuna ukuya kwi'Olimpiki. Siya emdlalweni owahlukileyo singacingi ngokwenzeka emidlalweni egqithileyo," utshilo uRamalepe odlalela iMamelodi Sundowns Ladies eziintshatsheli zeHolywoodbets Super League. Emva kokuxuba abadlali abatsha nabadala, uDesiree Ellis unethemba leziphumo ezihle emidlalweni yomibini.
"Abadlali abebonzakele abafana noRefiloe Jane, uMbani Bambanane noBongeka Gamede baza kusinceda ngoba baqhelene nemidlalo enzima njengale sijongene nayo. Ndicinga ukuba amava abanawo angasinceda ngamaxesha athile siphuncuke kwiNigeria," utshilo uEllis ekuqaleni kwale veki. Okuhle kukuba iqela lakhe lisenabo abadlali abasuka kwitumente yehlabathi ebikunyaka ophelileyo nabaphumelela iWafcon ngonyaka ka2022. Abadlali abafana noMajiya, uMagama, uSinoxolo noNoxolo baza kuqala ukudlalela iqela lesizwe.