UYolatha Cosa uwole zonke iimbasa ezibalulekileyo zeNozulu Youth Legacy Cup kwiveki ephelileyo. Umfanekiso: Pedro Mapelo
Umfana onekamva eliqaqambileyo ebholeni ekhatywayo, uYolatha Cosa, ugoduke exhakazela ziimbasa kwavuya umama wakhe obembukele. Oku kwenzeke emva kokusongwa kwetumente ebibanjelwe eWalter Sisulu University, eGcuwa - apho aziqaqambise khona njengomdlali weYoung Stars United. UCosa, 17, ophuma kwilokishi yaseMcubakazi, udlale kakuhle kuyo yonke imidlalo yeNozulu Legacy Cup - kodwa uye wabalasela ngakumbi emdlalweni wokuvala.
Ekugqibeleni kwetumente, iqela lakhe liye laziintshatsheli zika2024 emva kokuba zibethe iCentre of Excellence yaseMonti ngo'3-0 kutshanje. Ngalo ndlela, indebe iye yashiyeka eGcuwa kwakhona njengakunyaka ophelileyo ebekutshatshele kuwo iFC Tshabalala.
UCosa uchongwe nguWillard Katsande (owayedlalela iKaizer Chiefs) njengoyena mdlali othe wabalasela emidlalweni yeNozulu Legacy Cup emva kokunceda iqela lakhe elikhuphisene namanye amaqela alishumi elinesixhenxe abephuma kwizithili eziphantsi koMnquma Municipality nelinye ebelisuka eMonti. Lo ibingunyaka wesibini kusingathwa itumente eququzelelwa nguLuxolo Matikinca okwangumphathi weSekhukhune United edlala kwiPremier Soccer League.
Emva kokudlala kakuhle kwitumente yalo nyaka, uCosa ubalule intsebenziswano phakathi kwakhe noogxa bakhe njengeyona nto ebangele iphumelele iYoung Stars eyaxhaywa liqela laseMonti kunyaka ophelileyo. "Bendikhabela ezipalini ndityal iibhola kwabanye abadlali ngoba iqela lonke belindithembile futhi lindixhasa.
“Into yokuhlala kwethu enkampini isincedile ngoba isenze samanyana kakhulu singabadlali," utshilo uCosa owole onke amabhaso aphambili kwiNozulu Legacy Cup. Uye wangumdlali oqaqambileyo emdlalweni wokugqibela, wangumdlali wasesiswini ogqamileyo wanguye nomdlali wetumente oqaqambileyo.
"Kumnandi ukuphumelela iimbasa ngoba ndinezinto eziza kubonisa ekhaya ukuba ngalo mhla ndafuma. Ebomini bam ndirhalela ukuvuyisa umama wama. Ngoyena mntu ondibeka emthandazweni futhi uyandixhasa. Omnye umntu ondixhasayo kule nto yebhola ekhatywayo ngumakazi wam.
Uza kubuya ave iindaba ezimnandi namhlanje xa ebuya emsebenzini," utshilo uCosa oza kuya kwiExcellent of emva kokuchongwa njengomdlali wetumente kwiveki ephelileyo eGcuwa. Njengokuba efumene amawonga, kukho nemali ewakhaphayo ayiphiweyo ukuze athenge izinto zesikolo kunyaka ozayo eMonti.