Iingxoxompikoswano ngelona qela eliza kuphumelela xa kudibana i'Orlando Pirates neKaizer Chiefs seziqalile kwiindawo zikawonke wonke ezifana nezentselo, emisebenzini, ezibhasini, koololiwe nasezicaweni. Oomakad' ezondana baseSoweto baza kudibana etshatshalazeni eFNB Stadium emdlalweni weDStv ekulindeleke ukuba utake iintlantsi. Zozibini izangxa zebhola yaseMzantsi Afrika ziya emdlalweni zincwase into enye jwi: impumelelo, ngoba zigxeleshe ukuvala isizini eqhubekayo zikwiindawo ezibhetele kunesizini ephelileyo.
Amakhosi andwendwela iPirates umsila uphezulu ngoba kaloku abethe iGolden Arrows ngo'1-0 ngoLwesibini emva kokugqwidiza emidlalweni egqithileyo ukusukela mhla kwavalwa iAfrica Cup of Nations. Izinto bezibhetele kwiPirates ngoba iwacholachole amanqaku nakubeni idlale ntanganye ngegowuli macala neCape Town Spurs. Bobabini abaqeqeshi banokuba bayanzinyelwa kukulala ebusuku ngoba ukubethwa kwelinye iqela kula mabini iza kuba yinto embi kubanikazi bawo.
"Siwulungiselele umdlalo ozayo. Siza kuwonwabela umdlalo phambi kwekhulu lamawaka abantu endinethemba lokuba isinizi sakube ingabantu beChiefs," utshilo uCavin Johnson ethetha neentatheli eGoli. "Kum kuliwonga elikhulu ukubandakanyeka kwidabi laseSoweto ngoba ngomnye wemidlalo emikhuluu kwihalabathi. Akululanga ukulungiselela imidlalo efana nalo - kodwa okubalulekileyo kuthi kukudlala ngokuzimisela sonwabele nomdlalo," utshilo uCavin Johnson.
Emva kokuphuncula iSpurs ezintsukwini ezigqithileyo, uJose Riveiro ushiyeke ekhalela amathuba ayekwe liqela lakhe. Kodwa unethemba lomdlalo obhetele oyakuthi uveliswe yiPirates ngempelaveki. "Kufuneka senze ngcono emidlalweni yethu ngoba asikwazanga kweminye imidlalo egqithileyo. Sinabadlali abaliqela abaselula ngokweminyaka. Basazama ukuziqhelanisa nendlela yethu yokwenza izinto - kodwa into endingathi siyayidinga ngoku kukuvelisa umdlalo ofanayo," utshilo uRiveiro ofuna ukuvuka ngeChiefs edikidini ngakumbi kule isizini.