Ezemidlalo

UKhune ubuyile ngexesha ledabi laseSoweto!

Cwayita Nondula|Published

Unozinti weKaizer Chiefs uItumeleng Khune. UMFANEKISO: ©Gavin Barker/BackpagePix

Unozinti weKaizer Chiefs uItumeleng Khune. UMFANEKISO: ©Gavin Barker/BackpagePix

IKaizer Chiefs ibhengeze ukubuya kukanozinti wayo uItumeleng Khune kulandela ukunqunyanyiswa kwakhe iinyanga ezintathu.

Ngenyanga yoMnga ka2023, Amakhosi adiza ukunqunyanyiswa kwalo nozinti oneminyaka engamashumi amathathu anesithandathu (36), nowathi emva koko wasuswa kuzo zonke izinto ezinxulumene neqela ngenxa yokufika ejimini ephantsi kweempembelelo zotywala.

Wayekhe wadlala kwiCarling All Star XI kwaye waphumelela imbasa yokuba ngumdlali obalaseleyo kwiCarling Black Label Cup ngenyanga yoMqungu kulo nyaka, nangona wayesanqunyanyisiwe liqela lakhe.

Njengenxalenye yokunqunyanyiswa kwakhe, uKhune kwafuneka athathe inxaxheba kwiinkqubo ezahlukeneyo ezijolise ekuphuculeni ukuziphatha kwakhe.

“Oyena mdlali udlale ixesha elide kwiKaizer Chiefs, uItumeleng Khune, ubuyele kwiqela emva kokwahlukana kwakhe noogxa bakhe ukuze afezekise imiqathango ethile efunekayo phambi kokuba avunyelwe ukuba abuyele eNaturena,” licacise eli qela.

Amakhosi aqhube athi, “Kwiinyanga ezintathu engekho, uKhune uthi uthathe inxaxheba ngokupheleleyo kwiinkqubo ebekelwe zona kwaye ukholelwa ukuba zimncedile ekukhuleni kwakhe nasekuphuhleni kwakhe njengomdlali webhola ekhatywayo ngokunjalo nanjengomntu. Ujonge ukusebenza nzima ejimini nokwabelana ngolwazi lwakhe nabadlali beqela lakhe.”

“SiyiKaizer Chiefs, siyamamkela uItu kwikhaya lakhe leminyaka engaphaya kwamashumi amabini anesihlanu (25) kwaye sisazibophelele kwiinqobo zethu ezingundoqo zokuziphatha, imfezeko, intlonipho kunye nomanyano,” litshilo eli qela laseSoweto.

Lo nozinti onamava kuzakufuneka alwele indawo yakhe kwiqela. Kungoku nje unozinti othenjwe ezipalini nguBruce Bvuma, okwazileyo ukuqinisekisa ukuba akukho bhola zingena emnatheni kwimidlalo esibhozo ukusukela oko enikwe ithuba lokugada iipali.

Amakhosi azakungquzulana neZimnyama Ngenkani kowona mdlalo webhola ekhatywayo odumileyo eAfrika, idabi laseSoweto ngoMgqibelo eFNB Stadium ngo’15:30.