USipho Ndzuzo esejimini nabadlali kwiziko lakhe lophuhliso. Umfanekiso: Facebook
Owayesakuba ngumdlali webhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu, uSipho Ndzuzo, usungule iziko lophuhliso elitsha kraca. UNdzuzo waseGqeberha ngokuzalwa yindoda eyazenzela igama elihle ngeentsuku zayo zobutsha ebholeni yaseMzantsi Afrika ngokugqwesa njengomdlali wasemva naseswini. Phakathi kwamaqela awadlaleleyo uNdzuzo ngexesha lakhe aquka uMthatha Bush Bucs, iMamelodi Sundowns, Ajax Cape Town, iManning Rangers neqela lesizwe lebhola ekhatywayo.
Ngenxa yentshisakalo anayo ngebhola ekhatywayo, uNdzuzo ubone kufanelekile ukuba makavulele abantwana abasakhulayo amathuba ngokusungula iziko ekuthiwa yiFootballers Factory. Uvula iziko elitsha ngoba uzimisele ukuvulela abantwana abangaphantsi kweshumi leminyaka, ishumi leminyaka neshumi elinethoba (abangamakhwenkwe namantombazana) amathuba amatsha okudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu. Iphondo leMpuma Koloni lihamba emva kwicala lokuvelisa abadlali bebhola ekhatywayo ngoba ambalwa amaziko ophuhliso asemgangathweni ophezulu.
"Injongo yeziko lethu elitsha kukubangula italente sincedise nabantwana abakwiindawo ezitsala nzima ezifana neelali neelokishi. Ndingathi iFootball Factory iza kuguda italente futhi iqaqambise nabantwana ibase kwinqanaba eliphezulu," itshilo ingxelo ekhutshwe egameli likaNdzuzo kumakhasi onxibelelwano kutshanje. Inkqubo yokukhethwa kwabantwana abaza kuba phantsi kweFootball Factory iza kuqala eMidrand kwiphondo laseGauteng, emva koko iye eTsomo, eCofimvaba igqibele eGqeberha. ETsomo naseCofimvaba kuqalwa ekupheleni kwale nyanga ukuya ekuqaleni kwenyanga ezayo.
UNdzuzo unethemba lokuba zonke izinto ziza kuhamba ngendlela acwangcise ngayo ukuze akwazi ukuphokozela abadlali abatsha amava awafumene ebholeni. Oyena mdlali oqaqambileyo ngoku ebholeni yaseMzantsi Afrika nguRonwen Williams ophuma eGqeberha odlalela iMamelodi Sundowns - kodwa oye wachongwa njengoyena nozinti ogqwese kubo bonke kwizwekazi le-Afrika emidlalweni yeAfrica Cup of Nations ebibanjelwe e-Ivory Coast. UWilliams uncede aBafana Bafana bafumana imbasa yebronze emva kokuvala itumente bekwindawo yesithathu. Abanomdla bangathumela imibuzo ku: sipho@footballersfactory.org.za