Umqeqeshi weKaizer Chiefs uCavin Johnson. UMFANEKISO: ©Nokwanda Zondi/BackpagePix
Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uCavin Johnson, uphawule ngokutsala nzima kwaMakhosi kutshanje phambi kweepali.
Iqela leChiefs ebelishiyeke nabadlali abalishumi ebaleni emva kokuba umdlali wasemva uEdmilson Dove efumene ikhadi elibomvu, lidlale ngokulingana neMoroka Swallows kungekho efake igowuli kumdlalo wedabi laseSoweto obubanjelwe eFNB Stadium ngoMgqibelo.
Ibingumdlalo wesithathu ilandelelana Amakhosi engakwazanga ukubeka ibhola emnatheni.
Emva kobunye ubunzima phambi kweepali kwimpelaveki ephelileyo, umqeqeshi uvumile ukuba ngoku yinkxalabo ekufuneka iqwalaselwe.
“Ingxaki yeChiefs yokufaka amagowuli ibisoloko ikhathaza oko ndaqalayo ngoba ibhola imnandi kuphela xa ubona amagowuli,” utshilo uJohnson ethetha noonondaba.
Uqhube wathi, “Andiqondi ukuba ibhola siyiqhubela phambili kakubi ebaleni. Ndicinga nje ukuba ibhola asiyidlulisi kakuhle ngoko ke asiwaboni la mandla nesantya.”
Emva kwemidlalo elishumi elinesibhozo (18), Amakhosi afake amagowuli alishumi elinesithandathu (16) kuphela, elona nani liphantsi embalini ukusukela oko eli qela laseSoweto lathatha inxaxheba kwiPSL.
UJohnson kuza kufuneka abalolele abadlali bakhe ukuze bakwazi ukubeka ibhola emnatheni njengoko beza kudibana neGolden Arrows ngoLwesibini phambi komdlalo olindelwe ngabomvu wedabi laseSoweto neOrlando Pirates.