Uzenze idini uEdmilson Dove oxolele ukuphuma ngekhadi elibomvu emdlalweni endaweni yokubethwa kweKaizer Chiefs. Oku kwenzeke namhlanje emdlalweni ophele iliqanda macala phakathi kweChiefs neMoroka Swallows. Umdlalo obuseFNB Stadium ubudikidini kwisigaba sokuqala. Akukho qela elibonakalise intshisakalo - kodwa emva kokumiswa komdlalo, amaqela omabini adlale umdlalo ongcono kakhulu. UBruce Bvuma uphinde wenza umsebenzi oncomekayo xeshikweni evala iibhola eziyingozi zeSwallows ngexesha elibi.
Akukho nto engako ekunokubaliswa ngayo ngesiqingatha sokuqala somdlalo ngoba akubangakho qela elikwazileyo ukwenza into ebhetele. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa. Umdlalo wona ubungenazo tu iintlantsi. Akothusi ke oko ngoba omabini amaqela akafuni ukuphulukana namanqaku ngoba akaqhubanga kakuhle emidlalweni egqithileyo. Amakhosi adlale bhetele xa kuphela isigaba sokuqala somdlalo futhi akwazile ukudlala amathuba - kodwa angakwazanga kwaphela ukuwasebenzisa kakuhle.
Okuthe kwagqama kuwo omabini amaqela kukulahla iibhola kwiindawo ezibalulekileyo. UHappy Mashiyane, ofumene ithamsanqa lokuqala umdlalo kwakhona, igobe iibhola eziliqela - kodwa iifolosi zeChiefspi azikwazanga ukwenza ingxaki kwiSwallows. Nayo kwelayo icala iSwallows izamile ukuhlasela isebenzisa uGabadinho Mhango noJacob Everson - kodwa iinzame zano ziye zaphanza. Ilifumene igowuli iChiefs - kodwa kuye kwacaca ukuba uAshely Du Preez ebelalele.
Zisuka kwisigaba sesibini, iSwallows ihlalese futhi yanyanzela iChiefs ukuba yenze iimpazamo. Kuye kwaphuma uEdmilson Dove oxolele ukuwisa uGabadinho Mhango obejongene noBruce Bvuma. Usompempe umnike ikhadi elibomvu ngusompempe yadlala ingaphelelanga iChiefs. Umdlalo uye wamiswa ixesha elide ngenxa yemvula ebihamba neendudumo. Omabini amaqela alwile - kodwa akubangakho eliphumeleleyo. UBvuma uthintele iSwallows amatyeli aliqela - kodwa naye uDaniel Akpeyi usebenzile.