UPule Sibeko uqhumisele ngothuli inkitha yeembaleki wayintshatsheli eGqeberha. Oku kwenzeke emva kokuba ebambe indawo ephambili emdyarhweni weembaleki omde ekuthiwa yiRunified City 50km ngempelaveki egqithileyo. Indedeba yakwaSibeko ikwazile ukuphumelela nakubeni bekukho imiqobo ebonakalayo efana nomoya ebubhudla kakhulu eGqeberha ozibalekise kakubi iimbaleki. Omnye umqobo akwazileyo ukuwunqoba yimbaleki yaseFrance egama linguRuel Guilliame obizimisele ukuphumelela.
Ngenxa yokuzilungiselela kwakhe kakuhle, uSibeko ukwazile ukumshiya uRuel xa kanye kushiyeke umgama oziikhilomitha ezintlanu encediswa ngoogxa bakhe. Le nto yenziwe nguSibeko yinto enkulu kakhulu ngoba iimbaleki zonke ziya kwiRunified City 50km zifuna ukuzenzela imbali. Ubambe indawo yokuqala emva kokubaleka amashumi amahlanu eekhilomitha ngeeyure ezimbini nemizuzu engamashumi amane anesixhenxe (2:47:09) walandelwa nguGuilliame oshiywe ngemizuzwana engamashumi amabini anesithathu (23sec).
"Ndizincede ngokugcina isantya sam kwindawo enye ekuqaleni komdyarho. Bendibaleka noogxa bam endiqhele ukujima nabo. Sisuke emva sabaleka sayokutsho phambili," utshilo uSibeko emva komdyarho echwayitile. "Ndibaleke kakuhle ekugqibeleni nangona bekukho umoya. Ndikwazile ukusebenzisa ithuba ndisuka emva," utshilo uSibeko ozenzele imbali kumgama oziikhilomitha ezingamashumi amahlanu. Nakubeni uSibeko ephume phambili - kodwa akalinikwanga iwonga ngoba ubhalise eyedwa endaweni yokubhalide nenye imbaleki.
Iwonga linikwe uNkosinathi Mhlakwana obambe indawo yesithathu. Kwicala lamanenekazi kuphume phambili uLoveness Madziva waseZimbabwe. "Ugqatso luhambe kakuhle kakhulu. Inye into ebiyingxaki: yimozulu esikhathazileyo. Ndiyenzile into ebendifuna ukuyenza futhi ndonwabile," utshilo uMadziva obalekela iHollywood Athletics Club. Emva kwakhe kulandele uSilindile Chili noGalaletsang Mekgoe. UMakhosi Mhlongo uzuze imbasa ngoba uChili noMekgoe bebekhuphisana.