Ngokutsho kukaJohn Maduka, iqela lakhe alizimiselanga kuyiyeka iKaizer Chiefs igoduke iphethe amanqaku amathathu. UMaduka ukuthethe oku kwiintatheli phambi komdlalo ophakathi kweRoyal Am neChiefs oza kube useHarry Gwala Stadium, eMgungundlovu, emalanga ngeCawe.
Iqela likaMamkhize liya emdlalweni wangempelaveki lizithembile ngoba alikabethwe yiChiefs emidlalweni yeDStv ukusukela oko wathenga iBloemfontein Celtic kwinyana egqithileyo. Omabini amaqela abanadlali abaphilileyo emva kwekhefu alifumene ngenxa yeAfcon esongwe kwiveki ephelileyo.
Amakhosi abethwe kabini yiRoyal Am kwisizini egqithileyo. "Kumnandi ukudlala neqela elifana neChiefs. Ukuze uhlonitshwe ebholeni kufuneka ubethe amaqela amakhulu. Yiyo lo nto sisoloko siqhuba kakuhle xa sidlala neChiefs," utshilo uMaduka kule veki.
Uxinizelelo luza kube lusemagxeni kaCavin Johnson ngoba wonke umntu olandela ibhola ekhatywayo ufuna ukubona ukuba uza kuyithatha ayibeke phi iChiefs njengokuba abaphathi banika iintambo ukuze abuyise isidima sayo emva kokugxotha uMolefi Ntseki.
UKabelo Mahlasela waleke umsundulo ngelithi abayoyiki iChiefs enabalandeli abaninzi kuzo zonke iindawo eMzantsi Afrika. "Asiyoyiki konke konke iChiefs. Ndicinga ukuba abadlali bethu bazilungiselele ngokupheleleyo futhi balinde umdlalo ngoku.
“Xa siphantsi koxinizelelo, siyakwazi ukuvelisa iziphumo ezincumisayo. Sinethuba sisebenza ngokuzimisela ejimini silungiselela umdlalo ozayo," utshilo uMahlasela. Noxa iRoyal Am yabuya nenqaku elinye emdlalweni wokuqala - kodwa kweli ityeli, iRoyal Am ifuna ukwenza bhetele.
Omabini amaqela adinga amanqaku amathathu ukuze aphucule iindawo ahleli kuzo kwiDStv Premiership. Ngaphezulu koko, ukuphumelela kwawo kubalulekile ngoba khange aqhube kakuhle kwisigaba sokuqala sesizini.
Amakhosi ahleli kwindawo yesihlanu emva kokuba ephumelele imidlalo esixhenxe qha kwelishumi elinesithandathu. Yona iRoyal Am ihleli kwindawo yeshumi eline. Iphumelele imidlalo emihlanu kuphela kwelishumi elinesihlanu eyidlalileyo kule sizini.