Ezemidlalo

URonwen Williams owenze imbali kwiAfcon uncome uSinesipho Mali

Pedro Mapelo|Published

Sinesipho Mali.

Sinesipho Mali.

ABafana Bafana baqhwatyelwe izandla ngabantu baseMzantsi Afrika emva kokuba bezibekele indawo phakathi kwamaqela amane ashiyekileyo ngoku kwiAfrican Cup of Nations eqhubekayo. Kwenzeke oku emva kokuba bebethe iCape Verde ngo'2-1 kumapenela emdlalweni obungempelaveki.

Kodwa oyena mntu othe wagqama kakhulu ngunozinti, uRonwen Williams, ovale iipenela ezine zeCape Verde. Yimbali engazange yenzeka kwiAfcon, ngaphezulu koko - uye wangoyena mdlali ozenzele igama ngokuqala ahlangule uMzantsi Afrika emdlalweni phambi kokucokisa kwiipenela.

Njengokuba iCape Verde ifake ipenela enye kuphela, emdlalweni iqhube kakuhle, idlale umdlalo obhetele kakhulu futhi ikwazile ukudala amathuba. Umntu oyivimbe ithuba lokuya phambili kwiAfcon ibe nguWilliams ongomnye woonozinti ekufakwe kubo amangowuli ambalwa.

Mabini kuphela amagowuli afakwe kuWilliams emidlalweni emihlanu eseyidlalwe ngaBafana Bafana kwiAfrica Cup of Nations yalo nyaka. Emva komdlalo, unozinti weqela lesizwe loMzantsi Afrika uthe uncedwe kakhulu ngumhlalutyi wemidlalo (Video Analyst) waBafana Bafana, uSinesipho Mali.

"Ndifuna ukuncoma umhlalutyi wethu. Nguye ondilungiselele yonke into. Siye emdlalweni ndinazo iividiyo ngabadlali bonke abakhaba iipenela kwiCape Verde. Indlela abakhaba ngayo siyifunde kweza vidiyo ebezize nomhlalutyi wethu.

Ndifuna ukuthi ayindim ndodwa owenze umsebenzi. Ndifuna ukuncoma nomqeqeshi wonozinti ngoba bobabini bandinike konke ngabadlali beCape Verde. Bendisazi ukuba abadlali beCape Verde bangayikhabela kweliphi icala," utshilo uWilliams.

Ngaphezulu koko, unozinti ubancomile oogxa bakhe abadlala ebaleni ngokunyamezela ixesha elide besilwela ukuhlala kwiAfricon. Ngoku umqobo omkhulu yiNigeria. Ukuze uMzantsi Afrika ukwazi ukuya emdlalweni wokugqibela, kufuneka ubethe iNigeria. I

ngxaki enkulu kukuba aBafana Bafana abanayo ilaka yokubetha iNigeria esolo ihamba incumile xa idibene nabo. UMzantsi Afrika uza kuxikixana kube nzima neNigeria emdlalweni oza kube useStade Bouake Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngoLwesithathu wale veki. UMzantsi Afrika unethemva lokubetha iNigeria iye phambili.