Ezemidlalo

UMzantsi Afrika ugxeleshe iNigeria emdlalweni weAfcon

Pedro Mapelo|Published

Akukho kungabaza, aBafana Bafana benze umsebenzi ongaphezulu kobulindelwe kubo. Ngempelaveki uMzantsi Afrika uphinde wenza omnye umtsi oya phambili kwiAfrica Cup of Nations emva kokuba ukhuphe iCape Verede ngo'2-1 kumapenela emva kokuba umdlalo uphele kungekho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini.

Umdlalo ubuphethwe yiCape Verde futhi yiyo ekwazileyo ukudala amathuba acacileyo emdlalweni. UMzantsi Afrika khange udlale ngendlela yawo eqhelekileyo futhi naye uHugo Broos uye wavuma emva komdlalo ukuba umdlalo weqela lakhe ubumbi futhi abadlali bebenayo indawana yokoyika.

Kodwa inye indoda encede uMzantsi Afrika nebengumqobo endleleni yeCape Verde ebisizimisele ukuphumelela, nguRonwen Williams. Nguye ovale ibhola embi emizuzwini yokugqibela yomdlalo emva koko wabamba amapenela amane eYamoussoukro.

Emva komdlalo, umqeqeshi uthe iqela lakhe lifuna ukuya emdlalweni wokugqibela kwiAfcon. "Silambele ukuya emdlalweni wokugqibela weAfcon," utshilo uBroos ovumileyo ukuba bekunzima kwade kwagqitywama iipenela. "Abadlali bam bebenayo indawo eyoyikayo.

"Bekukho uxinizelelo macala onke ngoba wonke umntu ufuna ukuya kwisigaba esilandelayo setumente. Asikwazanga ukudlala njengendlela esidlale ngayo emidlalweni egqithileyo. Thina sesiphumelele ngokungena kwethu kwisigaba esikuso ngoku.

Akekho umntu obecinga ukuba singafika kule ndawo phambi kokusuka kwethu eMzantsi Afrika," utshilo uBroos. Njengokuba uMzantsi Afrika uza kutswantsulisana neNigeria ngorhatya ngoLwesithathu eBouake, umqeqeshi uthi uxinizelelo alukho kwiqela lakhe emdlalweni ozayo.

"Ndiqinisekile, uxinizelelo lokuphumelelo umdlalo alizukubakho kuthi - Kodwa lo nto ayithethi kuthi asifuni ukuya emdlalweni wokugqibela. Eminyakeni esixhenxe eyadlulayo, akukho mntu owayecinga ukuba iCameroon ingathatha indebe yeAfcon.

“Ingase kwenzeke njalo nakulo unyaka," utshilo uBroos ugxeke iPSL phambi kokuqala kweAfcon ngokungamxhasi kumalinge wakhe wokudibana nabaqeqeshi bamaqela. Injongo yakhe yayikukufuthelana nabaqeqeshi ukuze achaze nendlela afuna ukubasebenzisana ngayo nabo.