Umdlali omtsha weMamelodi Sundowns, uMatias Esquivel, uzityande igila ngokubangele agqibe kwelokuba abophe umthwalo ashiye iArgentina yakhe eze eMzantsi Afrika. Indedeba yakwa-Esquivel igaleleke eMzantsi Afrika kwinyanga ephelileyo emva kokuthengwa kwayo yiSundowns ngemali engachazwanga.
UMatias, 24, ebedlalela iqela lase-Argentina ekuthiwa yiClub Athletico Lanus evale isizini egqithileyo isendaweni ehloniphekileyo. Abantu baseMzantsi Afrika baseva ngobaliselwa ukuba uMatias ngumdlali onjani ngoba imidlalo yeDStv Premiership imisiwe okwethutyana logama kusaqhubeka imidlalo yeAfrican Cup of Nations.
Ethetha nolindixesha (Digital Magazine) weMamelodi Sundowns, uMatias uxele isizathu esibangele abe ngumdlali weSundowns. "Ukuba ngumdlali weSundowns kundonwabise kakhulu. Ndicinga ukuba ndisekhondweni elihle ebomini bam njengomdlali webhola ekhatywayo," utshilo uMatias kwikhasi lomnatha leqela lakhe elitsha.
Ufike eMzantsi Afrika sekulithuba kuthetha ngaye ngamajelo eendaba noxa ebeyindaba yakwaMkhozi kwiqela lakhe elitsha. "Izinto ezifuna ukwenziwa liqela nempumelelo zizinto ezincomekayo futhi endizithandileyo.
"Nam ndiizimisele ukwenza elam igalelo ukuze iqela liqhubele phambili nelikwenzayo. Andikhathali nokuba ndidlala ephikweni okanye njengomdlali ohlaselayo, ndilungele ukwenza nokuba yintoni. Ndijonge ukuba yinxalenye yeqela ndifumane ithuba lophakamisa igama leSundowns," utshilo uMatias onconywayo kakhulu.
Kulindeleke ukuba aqhele lula ngoba ufikela kubadlali abafana noJunior Mendieta noLucas Ribeiro abasuka emazantsi weMelika njengaye. "Ndizive ndisekhaya emva kokwamkelwa kwam ngezandla ezishushu. Iindawo zokuzilolonga zisemgangathweni ophezulu futhi zibonisa ukuba iqela eliphethwe kakuhle," utshilo.