Emva kokuphoxa abantu abaninzi emdlalweni wokuqala kwiAfrica Cup of Nations, uMzantsi Afrika ubuye ngamandla kowesibini ngokuvuthulula iNamibia emdlalweni obubanjelwe eStade Amadou Gon Coulibay Stadium izolo ebusuku. ABafana Bafana baye emdlalweni wesibini kunyanzelekile ukuba bafumane amanqaku amathathu ukuze bafumane ithuba lokudlulela kumjikelo olandelayo.
Ngethamsanqa izinto zibahambele kakuhle. UPercy Tau uvule ngepenela kwaze kwalandela amagowuli afakwe nguThemba Zwane noThapelo Maseko. Yona iNamibia, ezikhotha amanxeba, ibinawo amathuba - kodwa abadlali badlale ngawo phambi kweepali.
UPeter Shalulile noDeon Hotto ngabona badlali abebeyinkathazo kuMzantsi Afrika. UMzantsi Afrika uye kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngamagowuli amathathu eqandeni. Isiqingatha sokuqala siqale ngendlela enomtsalane kakhulu.
Omabini amaqela ebengafuni ukulahlekelwa - kodwa edlala ibhola eya phambili. Iqela eliqale ladala amathuba emdlalweni yiNamibia. URonwen Williams wenze umsebenzi omhle ngethuba evala ibhola ebikhatywe nguPrins Tjiuena. Emva koko uPeter Shalulile wongamele uGrant Kekana wathatha ibhola kodwa ngelishwa uye wayikhabela ecaleni.
ABafana Bafana bayohlwayile iNamibia eyeke amathuba ngegowuli elifakwe nguPercy Tau. Ufumene ithuba lokwenza isilungiso emva kokuba uRiaan Hanamub ebambe ibhola yakhonjwa echaphazeni ngusompempe. Ilwile nayo iNamibia - kodwa ayikwazanga ukusebenzisa amathuba amabini adalwe nguHanamub.
Emva koko uMzantsi Afrika ufumene amagowuli amabini afakwe nguThemba Zwane. Ukuba uSiphephelo Sithole ebekwazile ukusebenzisa elakhe ithuba, aBafana ngebeye ekhefini namagowuli amane.
Kungenwe kwisigaba sesibini iNamibia iphantsi koxinizelelo ngenxa yetyala elikhulu elenzelwe nguMzantsi Afrika. UShalulile noHotto bazamile ukuhlasela abadlali boMzantsi Afrika abadlale isigaba sesibini bepholile ngenxa yomsebenzi abawenze kwisigaba sokuqala.
Amathuba okufumana igowuli lokubika ebekhona - kodwa abadlali beNamibia abakwazanga ukuwasebenzisa. UMaseko, ongene kwisigaba sesibi, ufake igowuli lesine kwaphela nentlantsi yethemba ebikho kwiNamibia. Ngalo ndlela uMzantsi Afrika uphumelele ngamagowuli amane eqandeni.