UGraeme Smith exhagwe ngooKapteni bamaqela aza kudlala kwiSA20 League eqala ngoLwesithathu wale veki. Umfanekiso: Facebook
Emva kwesiqalo esihle kunyaka ophelileyo, uGraeme Smith uthi ufuna iBetway SA20 League ikhule ngakumbi kulo nyaka. Oku ukuthethe ekuqaleni kwale veki phambi kokuqala kwemidlalo yeqakamba yeBetway SA20 League eza kuqala ngoLwesithathu, umhla weshumi kwinyanga yoMqungu ku2024. USmith, owayenguKapteni weqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba, nguMkomoshinala weyona tumente yeqakamba ephambili kwizwekazi le'Afrika lonke.
Emva kokuwa phantsi kweCricket South Africa ekumiliseni itumente yeqakamba ekuthiwa yiT20 izihlandlo ezibini kwiminyaka edlulileyo - kunyaka ophelileyo uSmith waququzelela ukusekwa kweBetway SA20 League engundabamlonyeni kwezi ntsuku. Okuncomekayo ngeSA20 League kukuba ikwazile ukutsala inqwaba yabadlali abasemgangathweni ophezulu kumazwe adume kakhulu ngomdlalo weqakamba afana ne-India.
Imidlalo yetumente eqala ngomso (Lwesithathu) iza kubanjelwa kwiindawo ezifana neKapa, iGqeberha, iThekwini, iJohannesburg neCenturion. Kunyaka wokuqala, amaqela amathandathu athatha inxaxheba kwiSA20 League akwazi ukutsala inani elihle labalandeli emabaleni. Kulo unyaka kulindeleke kube ngcono ngakumbi. "Ukuzisa amaqela eqakamba adlala kwi-Indian Premier League yinto enkulu esiyenzileyo kunyaka ophelileyo.
"Iqakamba yaseMzantsi Afrika inembali entle ngoba inabadlali abanetalente, inabalawuli abasemgangathweni futhi nasemabaleni kuhle kakhulu," utshilo uSmith. "Isizini yethu yokuqala ibe yimpumelelo. Sifuna ukukhula ngokufanayo ne-India. Yinjongo esinayo leyo. Amaqela esinawo kulo nyaka akhangeleka omelele futhi singabona kuntshula ikhaba elitsha labadlali beqakamba abaphuma apha eMzantsi Afrika.
"Isithembisile iCricket South Afrika ukuba iza kusinika ithuba lokwenza umsebenzi wethu kakuhle. Okuhle ngokuququzelela kwethu iSA20 League kukuba inika abadlali bethu ithuba lokukhula kwiqakamba nelokubonwa ezizweni," utshilo uSmith. Umdlalo wokuvula uza kube uphakathi kweSunrisers Eastern Cape neJoburg Super Kings ngentsimbi yesithathu eSt George's Park, eGqeberha.