Njengokuba kusondela isiqalo seyona tumente enkulu yebhola ekhatywayo kwizwekazi le'Afrika, iSouth African Football Association (Safa) isajamelene nengxaki echaphazela imali efunwa ngabadlali. ABafana Bafana balungiselela ukuya kwiAfrica Cup of Nations okokuqala phantsi kukaHugo Broos oneminyaka emibini engumqeqeshi wabo.
Ingxaki ekhoyo ngoku ngumba weebhonasi. Akukabikho sivumelwano phakathi kwabadlali neSafa. Oku kuqinisekiswe yiNgqonyela yeSafa, uMrs Lydia Monyepao kutshanje.
Sowuthande ukuqheleka umlo wemali phakathi kwabadlali bamaqela esizwe neSafa. Kwiinyanga ezigqithileyo, kubekho ingxaki enkulu phambi kokuya kwaBanyana Banyana kwitumente yehlabathi (FIFA Women's World Cup) ebibanjelwe eNew Zealand nase'Australia. Kanti kukhe kwavakala ingxaki yokungabhatalwa kwabadlali beqela lamadoda emva koko. "Sisaxoxa nabadlali ngomba weebhonasi," utshilo uMonyepao.
"Sinethemba lokuvumelana nabadlali phambi kokuphela kwalo nyaka. Savumelana ngelithi kufuneka yonke into igqitywe phambi kokuba kuyiwe enkampini - apho kuza kube kulungiselelwa imidlalo yeAfcon.
"Besikhe sabamba iingxoxo nabadlali kwiinyanga ezidlulile ngomba weebhonasi. Siye savumelana ngabaza kuzuza emidlalweni ehlakulela itumente yehlabathi ezayo (FIFA World Cup qualifiers). Emva koko saqala iingxoxo ngeebhonasi abaza kuzizuza kwiAfcon.
"Seyikhona into esiyibeke etafileni - kodwa basinike abayifunayo abadlali. Sesiphendule noxa singekavumelani. Wonke umntu ufuna imali - kodwa kufuneka iSafa ibhatale iqwalasele isipaji sayo. Sifuna abadlali bafumane into eza kubonwabisa. Kodwa akufuneka siqongqothe ingxowa yemali.
Yiyo lo nto iingxoxo zethu zitsale ixesha elide," utshilo uMonyepao. ABafana Bafana, abagqibela kwiAfcon ngo2019 phantsi kukaStuart Baxter, baza kudibana enkampini ekuqaleni kuka2024 eStellenbosch. Baza kudlala umdlalo wobuhlobo phambi kokuntingela e-Ivory Coast ngomhla weshumi elinanye.