Zizi Kodwa.
UMphathiswa weZemidlalo, uZizi Kodwa, ubhengeze amagama wabantu abaza kukhokela isigqeba esitsha somdlalo wamanqindi ohlala usezinkathazweni. Oku ibe sisiphelo sesigqeba sabantu abachongwe kwiminyaka embalwa egqithileyo – kodwa aboyisiweyo kukwenza umsebenzi kakuhle. Echwayitile ngosuku lwayizolo, uKodwa ubhengeze uSfiso Shongwe njengomntu oza kuba nguSihlalo omtsha weBoxing South Africa. Abanye aza kutsala iintambo nabo baquka uSakhiwo Sodo, uRomy Titus, uNande Mshe, uPrince Nongoma noMarry Sitata.
Bosixhenxe kulindeleke ukuba balawule umdlalo wamanqindi eMzantsi Afrika kude kube ngunyaka ka2026 ukuba izinto zihambe kakuhle. Emva kokubhengezwa kwabantu abatsha, kulindeleke abadala badlulise iintambo kwabatsha ngokusesikweni ngomhla weshumi elinesibini kwinyanga yeMnga. Isigqeba esiphumayo besigxekwa macala onke ngenxa yokoyisakala kwaso ukwenza umsebenzo oncomekayo.
Sona isigqeba esiphumayo besinabantu abafana noLuthando Jack, uGilbert Martins, uKhulile Radu, uSurej Maharaj, Azwitamisi Nthangeni, uEric Sithole noSakhiwo Sodo. Eminyakeni emithathu egqithileyo, iBoxing South Africa iqeshe abalawuli abathathu. Emva kokuhamba kukaTsholofelo Lejaka, kwangena uCindy Nkomo owalahlayo naye ngenxa yobunzima. Indawo yakhe yathathwa nguSithole obebambele kwade kwabhengezwa isigqeba esitsha kule veki.
UMphathiswa unethemba lokuba uSihlalo omtsha uza kuwahlangula amanqindi asezinkathazweni ngenxa yolawulo oluhesheheshe. Okunye akubetheleleyo kukuqeshwa komntu oza kujongana nemali yeBoxing South Africa. “Ndiqinisekile ukuba iinkokeli ezintsha zeBSA ziyazazi iingxaki ezikhoyo emanqindini. Ukuze kusinjululwe ngokukhawuleza iingxaki, kufuneka kuqeshwe umlawuli omtsha nomntu oza kujongana nezimali,” utshilo uKodwa.