Rulani Mokwena.
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uRulani Mokwena, uzichithile iingxelo ezithi umdlali wakhe ufunwa liqela laseNgilane elidlala kwiEnglish Premier League. Kwiiveki ezigqithileyo, kuvakele iindaba ezithi uBurnley ifuna uKhuliso Mudau odlala emva kwiSundowns. Ethetha emva komdlalo izolo, uMokwena uthe iqela lakhe alikafumani nto esuka kwiqela laseNgilane ekuthethwa ngalo. Amahumhum ngokufunwa kwakhe uMudau akothusi ngoba ungomnye wabandlali abadlala kakuhle kakhulu kwiSundowns nakwiqela lesizwe loMzantsi Afrika.
“Akayindawo uSailor. Sidinga bonke abadlali bethu abaphambili,” utshilo uMokwena emva kokuba iSundowns ibethe iSuperSport United ngamagowuli amabini eqandeni kwidabi lasePitoli izolo ngorhatya. Yenze edume ngazo iSundowns kwakhona emva kokuphumelela ngamagowuli afakwe nguPeter Shalulile noLucas Ribeiro – abakwancede iSundowns ephakamise indebe yeAfrican Football League kutshanje eLoftus Stadium.
“Asililo iqela elithengisayo. Leyo into iyaziwa – kodwa ke ndiyayazi ukuba sonke siyakufuna ukukhula ebomini. Yimeko efanayo nekaCassius Mailula. Kwakunzima ukumkhulula – kodwa wahamba kuba siqonda ukuba akhona amathuba okukhula apho aya khona. Andikwazi ukuthetha ngamahumhum. Akukho nto ebekwe etafileni – kodwa simazi sonke uKhuliso ukuba ungumdlali osemgangathweni ophezulu kakhulu. Ungumntu olungileyo futhi obalulekileyo kakhulu kwiSundowns.
“Kunzima nyhani ukuthetha xa kungekho nto ebambekayo,” utshilo uMokwena. Izinto zingacaca kakuhle xa kuvulwa inyoba yokuthetha nokuthengiswa kwabadlali ekuqaleni konyaka ozayo. Ukuba iqela laseNgilane lifuna ukumthatha, liza kubhatala kakhulu ngoba iSundowns ayifane ibathengise abadlali bayo. Amasandawana abuyele phezulu kwiDStv Premiership emva kokuhlala kweCape Town City iintsuku ezimbalwa emva kokuba ibethe iGolden Arrows ngempelaveki egqithileyo.