Ezemidlalo

iPirates inqumamise uLorch onikwe isigwebo esixhonyiweyo yinkundla

Pedro Mapelo|Published

UThembinkosi Lorch unqunyanyisiwe liqela lakhe, iOrlando Pirates, emva kokuba enikwe isigwebo esixhonyiweyo yiNkundla ekuqaleni kwale veki. Inyathelo elithathwe yiPirates lilandela emva kokuba iNkundla yamatyala yaseRandburg, eGoli, igwebe uLorch iminyaka emihlanu - kodwa eye yaxhonywa. Kwelinye icala, kuthiwe uLorch makabhatale imali engumdliwo olikhulu lamawaka erandi (R100,000) embuthweni ozimeleyo olwa impathombi yoomama.

Ukuxhonywa kwesigwebo sikaLorch kuthetha ukuthi akazukuya entolongweni – kodwa akufuneki afunyanwe enetyala elifanayo neligqityiweyo eminyakeni emihlanu. Kwiinyanga ezigqithileyo, iMantyi yamfumana uLorch enetyala lokonzakalisa inenekazi awayethandana nalo.

Igqwetha lakhe lacela ukumiswa kokuwiswa kwesigwebo okuthathe ixesha elide. Kuthe kwakugqitywa inkqubo yeNkundla, abaphathi bePirates bamnqumamise uLorch, 30, isithuba seeveki ezine engadlali.

“Ngokomthetho wePirates, xa umntu emangalelwe – nayo iye iqale inkqubo yoluleko ngaphakathi. Nangona kunjalo, kuthathelwa ingqalelo imithetho yabasebenzi phakathi komdlalo neqela. IPirates iqhube inkqubo yayo yoluleko – kodwa ikuphephe ukohlwaya umntu kabini.

Iqela ligqibe kwelokuba uThembinkosi Lorch anqunyanyiswe kude kube ngumhla weshumi elinambini kwinyanga yoMnga,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiPirates kule veki.

Okuye kohlukanisa izimvo zabantu kumakhasi onxibelelwano ibe kukudlaliswa kwakhe yiPirates imidlalo eliqela emva kokuba iNkundla ithe unetyala lokuphatha kakubi inenekazi.

Konke oku kuthetha ukuthi uLorch uza kuqhubela phambili nobomi bakhe ukusukela kwiveki yesibini kwinyanga ezayo. Mithathu imidlalo yeDStv Premiership eza kumphosa emva kokuzifumanela imali eyiR100 000 kwiCarling Knockout Cup emva kokugwetywa kwakhe.